IHOLO iThe Empire Conference and Events Venue eParktown, eRhawutini, ibizele ime ngeembambo ngabazithembileyo emva komboko kwanaphambi komboko kanomathotholo belindele ukuva ukuba baza kuzifumana kusinina ezo ndondo bebethenjiswe ngazo.
Lo msitho weSA Radio Awards ubungena kunyaka weshumi elinesibini uqhuba. Owalo nyaka ububhexeshwa yindumasi yeqhula uLoyiso Madinga.
Bangama91 ababhengezwe njengabaphumeleleyo kumacandelo angama30 oonomathotholo abaquka abeKhampasi, Commercial, abasekuHlaleni nabeNkonzo yoSasazo lukaWonkewonke (PBS), kananjalo bebekhona noonomathotholo abasasaza ngeintanethi nangepodcast.
Umfundi weendaba kwisikhululo solutsha seSABC esizinze eGqeberha, iTruFM, uBongi Baliti-Mantakana, ngomnye oye waziqaqambisa phakathi kwabaphumeleleyo ngobu busuku.
UBaliti-Mantakana ubuye nembasa yomfundi weendaba otshatsheleyo.
“ Ukuthi ndiyavuya kuncinane, ndichulumancile kakhulu. Emva kokuzama amatyeli aliqela ndide ndayiwela ibhlorho,” kutsho lo nondaba engawuval’ umlomo kukuvuya, esithi yona imbasa beyilindele kuba bikokwesithathu echongwa kweli bakala.
“ Ibikhona into ethi mandincekelele kuba ndingumntu onokholo,” kutsho uBaliti-Mantakana.
Le nzalelwane yasePort Alfred ithi ukunikwa imbasa kuthetha lukhulu, ikwakholelwa ukuba oku kubonisa ukwenza kakuhle.
“Kwaye ukufakwa kukhuphiswano noogxa bam endibaxabisileyo, nendibonela kubo kokona kukhuthazayo ukuba ndiphakathi endleleni eyiyo,” woleke watsho.
UBaliti-Mantakana uneshumi elinesihlanu ekunomathotholo. Uqale ngokusebenzela izikhululo zasekuhlaleni ezifana neNkqubela FM, Bay FM neEHfm
“Bendinqwanqwadwa ngumakhwekhwetha uFikile Lubisi. Sele kuyiminyaka elishumi ndisenzela iSABC.”
Uthi ukhule ejonge kubantu abafana noMam’ uNoxolo Grootboom, Linda Gqomfa noThandile Cekisani.
“ Ndandidla ngokubalinganisa xa befunda,” kubalisa lo nondaba.
Uthi okona kumonwabisayo ngomsebenzi wakhe luxinzelelo lokubamaphikana ulungiselela intsimbi elandelayo.
“ Uninzi lwabantu aluqondi ukuba luninzi ulungiselelo oluphambi kwesiqendu ngasinye seendaba. Uyadidiyela, uhlele amanqaku aza kulungela abaphulaphuli ngokubaluleka kwawo, uhlele izandi, kwaye ke kufuneka uqonde ngokwenzekayo kwilizwe jikelele nakwihlabathi,” kutsho lo mama wabantwana ababini.
UBaliti-Mantakana ukwaziwa nangokusebenza nemvumikazi uBerita kwicwecwe elithi Songs in the Key of Love nelathi lafumana imbasa yeSAMA. Kwelo cwecwe uBaliti-Mantakana ubhale ingoma ethandwayo iNdicel’ikiss noJikizinto phakathi kwezinye.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10