Umdlali kamabonakude, uBrenda Ngxoli, ubhengezwe njengombhexeshi weeMbasa zeeNkokheli zeMveli zaseMzantsi Afrika (SATLA) eziza kuba seICC eMonti kwinyanga ezayo, ngomhla wama22 kweyoMdumba ka2025.
Ezi ndaba ziza emva kwevidiyo yalo mdlali kamabonakude ayifake nesasazeke kumakhasi onxibelelwano ebhentsisa impixano yosapho lwakhe ekhokelele kwinkxaso eluntwini kuquka noosaziwayo.
Abaququzeleli bezi mbasa babhengeze ukuba nguye umbhexeshi kwikhasi labo lonxibelelwano. “Nanku umququzeleli wethu omhle wenkqubo yethu yeeMbasa zeeNkokheli zeMveli zaseMzantsi Afrika, uBrenda Ngxoli. Owethu uThixo unjalo, masidibaneni eMonti eICC nge22 kweyoMdumba,” batshilo abaququzeleli.
Bakwabhengeze ukuba iZazi Holdings ize ngaphambili ukuza kunxibisa uNgxoli kumsitho wembasa nakuyo yonke imisitho yakhe aza kuyizimasa. Omnye umntu ogama linguNoksy osuka kwiBlissbeauty Glam Studio uthe uza kumenza imakeup kunye neenwele ngelixa omnye eza kunceda intombi kaBrenda, uSky.
Kwividiyo ayifake kwikhasi lakhe likaFacebook, uNgxoli uvakala esithi, “Ndibethe! Ndibambe umntwana, [wena] uphethe induku. Yilanto wawuyenza … isitena esi wawundiphethele sona? Ndiza kubambisa nokunyelisa igama lam … umosha igama lam ngokuthi ndiyakubetha, zange ndikubethe,” watsho uNgxoli ebhekisa kunina ebephethe intonga.
“Ndakuthatha eRhawutini usithi mandize ndizokuthatha uyadinga,” utshilo umama kaBrenda kule vidiyo.
Umama kaBrenda kule vidiyo umtyhole ngokumbetha nokungamtyisa.
UBrenda uthe bubuxoki la mabango. “Umama uye wakhanyela kabukhali ukuba uthe ‘Ndiyambetha namhlanje’ kwaye usaqhubeka nezityholo zakhe. Ndivuyiswa kukuba ebewaphinda [la magama] phambi kwabantu. Ngoku lixesha lokuhlamba igama lam,” utshilo uNgxoli.
Emva kwale vidiyo, abantu bamthumelela amazwi enkuthazo baza bolula isandla. Umdlali kamabonakude nosomashishini, uConnie Ferguson ngomnye wabantu abathe banikezela ngemali – unikele ngeR50 000.
UMandisi Tshingana odume ngokwenza iividiyo kumakhasi onxibelelwano uququzelele waqokelela imali engaphaya kweR100 000 ukunceda uBrenda.
UNgxoli ubulele abantu ngenkxaso yabo.
“Zihlobo, boosisi noobhuthi, bazali bam, ngala maxesha ndiza kuni ndiguqa ezinyaweni zenu nakuThixo ongaxakwanto. Ndibulela ngokungazenzisiyo. Andinamazwi, enkosi kakhulu,” watsho ebulela uNgxoli.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika iza kufika ngoLwesine