Eqhutywa luthando olunzulu lokuthabatha imifanekiso, * -Anam Nxayeka, okwaziwa ngelikaDJ Nature, uhamba ethabatha imifanekiso yayo nantoni na ethe yachukumisa iliso nomphefumlo wakhe, ngakumbi nangakumbi ubomi basesitalatweni.
Laa nqwelo-mafutha indlandlathekayo inyusa umgaqo ishiya ngasemva uthuli olumbhoxo, aba bantu bemi kwiikona zezitalato bechubelana ngesikhwebu, laa ntwazana ijijisana nenkwenkwana de iqhawukelwe zizacholo, laa mama uhleli esitendini emana ukuhesha iimpukane phezu kwenyama ayithengisayo, ngamabali afuna ukubaliswa kweli gatyana lomfana liminyaka ilishumi elinethoba ubudala nathi aliphembelele ukuba lixakeke linqakraze ngekhamera yalo lithabathe imifanekiso “Ndithabatha imifanekiso jikelele kwidolophu yaseMonti kuquka noMdanstane, kwaye ndikholelwa ekubeni ubugcisa yiyo nantoni na esiyibonayo, yinto yonke,” utshilo exelela I’solezwe lesiXhosa.
Uthi uthando lwakhe lokuthabatha imifanekiso yasezitalatweni lwaqala ngowe-2012, “Kodwa ngaloo nyaka andizange ndibe nazixhobo zokwenza izinto zam, njengokuthabatha imifanekiso esemgangathweni jikelele ngeeBridge Cameras, ngoko ke into endandiyenza yayikukuqokelela imifanekiso kwi-intanethi enjengoGoogle kunye noTumblr,” utshilo.
Uhambisa athi ngowe-2013 wasebenza neLycidus Pictures eyayimana ithabatha imifanekiso yakhe ezitalatweni, kwaye kulapho waqala khona ukukholelwa ukuba anganako ukuthabatha imifanekiso.
Eli tyendyana alinathando lokuthabatha imifanekiso nje kuphela, linothando olunzulu lwemisebenzi yobugcisa iphela, njengoko lirhabula inkuthazo nakubayili befashoni, “Ndikhuthazwa nguDidi Monsta ongumyili wefashoni kunye noTravis Scott ongumnxibisi wefashoni kwakunye nam,” utshilo.
Kungoku nje ulinde nje ukuba kuvulwe izikolo aze kungenela izifundo zoBugcisa noYilo (Art and Design) eLovedale College eDikeni.
Imifanekiso yakhe uyixhoma kwikhasi lakhe lonxibelelwano * :www.therealdjnature.tumblr.com.
UMzantsi Afrika uza kongamela iG20: Kuthetha ntoni oko?