Ubuhle beAfrika kwicwecwe likaLefa Mosea

INYANGA kaCanzibe yinyanga yokubhiyozela ubuAfrika nokuzikhumbuza ukuba singoobani.

Le nyanga ikwayinyanga yokuqhayisa ngesinxibo sethu sesintu, ukutya kwethu kwanomculo wethu.

Ingoma kaLefa Mosea ethi Naha ya rona, yingoma ethetha ngokumanyana singama-Afrika kwaye sibuke ubuhle bezwekazi lethu.

UMosea, 34, owenza isidanga somculo iBmus(ed) eNelson Mandela University, eGqeberha, wazalelwa eSebokeng eVaal, waze kamva wafudukela ePitoli nekulapho akhulele khona.

Encokolela I’solezwe, uMosea uthi ePitoli kulapho italente yakhe yomculo yaqala khona, waze wazifundisa ukubetha isiginci ngo2003.

Phantsi kweliso elibukhali lomhlohli wakhe wezomculo, uMosea waye wadlala le katali ngelixa efunda amabanga akhe aphakamileyo esikolweni, de wabe kanti ufikelela kwimatriki ngo2005.

Ngenxa yothando lwakhe lomculo, uye wazibhaqa ephakathi eVusi Mahlasela Music Development Foundation eState Theatre ePitoli. Apho udibene nesixhobo sesaksofoni asithanda kunene kodwa ekwakunzima ukuba abe naso ngaphambili ngenxa yokuswela imali.

“Ukufika kwam eGqeberha eMpuma Koloni ndidibene neemvumi eziselula saze senza iqela elibizwa iTake Note. Ngo2011 iTake Note yatyikitywa phantsi kweNative Rhythms kaSipho Sithole,” kubalisa uMosea.

Ekunye neTake Note, uMosea unyathele kumaqonga amakhulu, esingabalula kuwo iStandard Bank Joy of Jazz, iUgu Jazz Festival, iEbubeleni, iNational Arts Festival neBuyelekhaya.

Emva kokusebenza ithuba elide neTake Note besabelana ngeqonga neemvumi ezinkulu zoMzantsi Afrika, uMosea uye wakhupha ingoma ebizwa Mabele ngo2017, walandelisa ngethi Naha ya rona ngo2020.

UNaha ya rona uthetha “ilizwe lethu” ngolwimi lwesiXhosa. Ezi ibe zingoma zakhe zokuqala njengemvumi ezimeleyo.

Iingoma zikaMosea zohlobo lweAfro-Jazz nazicula ngolwimi lwesiSotho ubukhulu becala, zithetha ngemanyano, ubuAfrika nobuntu.

“Ndikwathetha nangeemeko zobomi, ingakumbi izinto endinamava wazo,” kutsho uMosea.

Kutshanje ukhuphe icwecwe lakhe elineengoma ezilishumi. Kweli cwecwe, elibizwa Double Standards, usebenze neemvumi ezinjengoZim Ngqawana Jnr, uDongadala Bemdiliza noSiyabulela Mdebele.

“[Kweli cwecwe] ndithetha ngohlobo emasizixhobise ngalo singama-Afrika. Ngokuzixhobisa andithethi ngokuya esikolweni kuphela, kodwa sifumane okulele kumhlaba weAfrika,” kutsho uMosea okwangutata wabantwana ababini.

Uthi ngokusebenzisa ulwimi lwakokwabo lwesiSotho ezingomeni zakhe uzama ukugcina olu lwimi luphila.

Simbuza ngokuthethwa luSuku lweAfrika kuye, uthe: “Usuku lweAfrika lusuku lokuzikhangela ukuba singoobani njengama-Afrika kwaye sakuzifumana siqale apho ukuzakha.”

Ikopi yecwecwe iyafumaneka kuMosea okanye uzithengele kwiivenkile zomculo kwi-intanethi.

Ezinye zeengoma kweli cwecwe ziquka ethi Mr Ngqawana, Mabele, Naha ya rona, Down Western Road, Ready to receive, Error of Assumption noKena le Modisa.