Ubumenye-menye beekhamera kwilokishi yaseDimbaza!

ISIKHULULO sikamabonakude iBay TV sifak’isandla ukuphucula italente yolutsha olungathathi ntweni.

Eli jelo lizinze kwisixeko saseBhayi lenze njalo nakwimpelaveki esiphuma kuyo. Igqiza leBay TV belimaxhaphetshu lisenza umboniso omfutshane kwilokishi yaseDimbaza, cebu kuhle eQonce.

Lo mboniso obhalwe nguMenzeleli Nojiwa waseDimbaza, obizwa ‘Pain is Temporary’, ubalisa ngendlela apho abantu bathi bakwazi ukuguqula izimo zabo ezinzima ukuze baphile ubomi obungcono.Ophetheyo kwiBay TV, uLungile Nduvane uthi, libatsale umdla ibali likaMenzeleli.

“Lo mfana usinike ibali lakhe enze isiqendu esinye kuphela. Siye sahamba negqiza lam sayokuwenza umsebenzi wokufota lo mboniso kwilokishi yaseDimbaza.“Siqale ukwenza lo msebenzi ngoLwesihlanu, sagqiba ngeCawe ebusuku,” utshilo uNduvane exelela I’solezwe lesiXhosa. UNduvane uthi, lo mboniso uzakudlala kwiBay TV ngenyanga kaFebruwari.

UMenzeleli Menzi Nojiwa, 27, obhale lo mboniso, wazalelwa kwidolophana yaseNgqamakhwe, kodwa kungoku nje sele engumhlali waseDimbaza.Ecacisa ngomboniso awubhalileyo, uMenzeleli uthi: “Okona kuvezwa ngu-Pain is Temporary (igama lomboniso) kukuba iintlungu zezexeshana, azihlali unaphakade, qha ekufuneka ukwenzile wena ungumntu kukunyamezela, ungalahli ithemba.”

Kulo mboniso, sibona umfana onguSipho, ovela entolongweni emva kokubandakanyeka kulwaphulo-mthetho.

USipho washiywa ngabazali bakhe eminyaka ilishumi elinesine ubudala, kodwa entolongweni udibana nonyawontle owatshintsha ubomi bakhe. Esikhanyisela ngokumenze abalise eli bali, uMenzeleli uthe: “Ndibone indlela abantu abatsha ikakhulu abenza ngayo xa bejongene neenzima.“Ndifuna babone kuSipho ongakhange ancame emva kokuthothoza entolongweni, kodwa othe watshintsha imeko yakhe,” ucacise watsho.

UMenzeleli ucebisa oontanga bakhe, “Akudingi mali ukuze utshintshe ubomi bakho, ixhomekeke kuwe, okudingekayo nje kukwenza le nto uyithandayo.”

Uthi zange anikezele naye emva kokuphinda ibanga leshumi, “ Ndazixelela ukuba andisoze ndohlulwe yiMatriki, ukufika kwam apha eDimbaza kwisikolo esitsha kwafuneka nditshintshe ndiqale kwibanga likaGrade 11 ndaphumelela, ndenza njalo nakwiMatriki.,” utshilo. ULuthanduxolo Quwe, Siyakudumisa Ntutu, Lulama Ncetane, Nontuthuzelo Maki, Bongani Mnyaka kunye nabanye badlale iindima eziphambili.