UMAKADENETHA kwimidlalo yeqonga, uZukiswa Cakucaku, usancumile emva kokuthiwa jize ngembasa yoMdlaliqonga oTshatsheleyo kwiiMbasa zePhondo zoBugcisa neNkcubeko kutshanje.
Efumana eli wonga nje, uCakucaku usandul’ ukubonwa edlala indima ebuhlungu kumdlalo weqonga othi Women in Monologues.
Lo mdlalo, obhalwe nguLungelwa Magqamfana, ubalisa amabali eenzingo zobomi athi amanina ahlangabezane nazo.
“Sibalisa okwenzeka kuthi, amabali afana nokuxhatshazwa ngokusekelezelwe kwisini (GBV), ukophuka kwentliziyo ngenxa yabantu esibathandayo njalo njalo,” uCakucaku ubalisele I’solezwe.
Uthi elakhe ibali lelokuphoxwa ngumntu ebekade encumisana naye.
“Apha mna ndithetha ngendidlule kuko, ndifulathelwa ngumntu ebendinezicwangciso naye,” uyabalisa.
UCakucaku uthi uWomen in Monologues ungokuphola kwezivubeko ezisemphefumlweni.
“La manenekazi athetha ngezinto athe adlula kuzo. Angcwaba izilonda kwaye abhodla obekungaphakathi kuwo.
“Abanye kulo mdlalo baphantse bafa bexhatshazwa ngabo babethi bayabathanda, abanye badlwengulwa, omnye washiywa liqabane nabantwana ngelixa abanye bexhatshazwa kweli candelo lolonwabo, athi umntu lala naye kuqala xa ufuna ukufikelela kwindawo ethile kweli candelo,” kubalisa lo makhwekhwetha womdlali kamabonakude.
UCakucaku uqale ukusabela ubizo lokonwabisa eqongeni ngo1990 eneminyaka elishumi elinesibhozo kuphela, esengumfundi kwisikolo iThamsanqa eGqeberha.
“Udadewethu ongasekhoyo uXoliswa wathi mandiye kuLulamile Matoto owayeyimbongi apha eGqeberha, inokuba wabona nto kum udadewethu, mhlawumbi uthando lwesi siphiwo, yaqala apho ke into,” kutsho uCakucaku, esithi ukususela kuloo nyaka akazange aphinde abuye ajonge mva.
Le nzalelwane yaseGqeberha ngumntwana wesibini kubantwana abahlanu, noxa nje abanye sele bengasekho.
“Utata wam ubhubhe ndineminyaka esixhenxe, ndathi xa ndineminyaka esithoba umama wabanoxinzelelo lwengqondo, kwafuneka sikhule ngaphambi kwexesha, sibe ngoomama kumama wethu, noye wasishiya kunyaka ophelileyo,” kubalisa uZuki.
Udlale imidlalo eliqela, esingabalula kuyo u-Unrevealed Evils kaLulamile Matoto, uNontozini kaThando Balfour ongasekhoyo, Heal Our Land, The Dancer, The Skull, Makhanda, The Scandal, Humpty Dumpty, Umqa kaNtsika, Truck Driver, Buzani kuBawo, Dust, Not In My Room, Strictly Come Bankrupt, Closet, Ibhinqa, My name is Sarah neminye esingenakuyigqiba ukuyibala.
“Uninzi lwale midlalo ihambe iminyhadala efana neNational Arts Festival,” kutsho uCakucaku emana ukuyilibala eminye imidlalo adlale kuyo ngenxa yobuninzi bayo.
UCakucaku ukhe wabhala umdlalo othi Stolen ekunye noMagqamfana, waphinda wancedisa ekubhaleni nomdlalo othi Vimba.
Ngaphandle kwentaphane yeminye imisebenzi emininzi athe wayenza ekuquka kuyo iintengiso, ukwaqeqesha abantwana abanomdla wokudlala eqongeni kwinkqubo yasezikolweni ebizwa Artist in Schools. Ukwangomnye wabagwebi kwiNelson Mandela Metro Schools Festival.
UCakucaku ufumene abantwana bakhe ababini, uYamkela noLuniko engumdlali weqonga. Abantwana bakhe ubakhulisa engumdlali weqonga nanjengoko kungekho enye into akhe wayenza. Uyavuma ukuba nangona esenza akuthandayo nje kodwa akulula.
“Yho! Mininzi yona imingeni efana nokungabhatalwa nokungahoyeki, ndilwa yonke imihla nezolo nomasipala wethu kwanorhulumente. Kunzima kuthi njengamagcisa eMpuma Koloni kodwa siyakuthanda oku sikwenzayo,” utshilo.
UCakucaku ngomnye wabaququzelela ukuba iOpera House ibe yiMandela Bay Theatre Complex.
Udlale nakumabali amaninzi kanomathotholo. Ukhona nakwibali loMhlobo Wenene FM elithi Ithini Na Lento – Leyo Yimfihlelo Yobomi.
Eli gqala lemidlalo yeqonga lisebenze namagama amakhulu kweli candelo esingabalula kuwo uWinston Ntshona, Johnson Gwangwa, Nomhle Nkonyeni, Monde Wani, Monde Ngonyama noVuyisile Bojana.
Eli gqiyazana aliqali kuphumelela imbasa, ngethuba likhenketha eNgilane naseSkotlane laphumelela imbasa yomdlali ogqwesileyo (Best Actress) ngomdlalo weqonga othi Ubuntu, waze umdlalo lowo waphumelela iOverall Best Play ekunye noMzwandile Mgijima – naye owabuya nembasa apho.
Apha babetha amazwe angaphaya kwamashumi amabini anesihlanu ayethontelene kuloo mnyhadala wasemaNgesini.
“Ndiphindile ngo1996 ndafumana imbasa yeBest Supporting Actress apha eGqeberha,” kuqhayisa eli qobokazana.
UCakucaku uza kudlala indawo kaVeli onguSodolophu kumdlalo kamabonakude iGqeberha – The Empire.
Lo mdlalo uboniswa rhoqo phakathi evekini kuMzansi Magic ngentsimbi yesithoba ebusuku.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo