Ucela ivoti umsasazi wasekuhlaleni

Owenza inkqubo yezakwaNtu ethi Sihlafunamanyama kwijelo losasazo lasekuhlaleni iKhanya iCommunity Radio eGcuwa, uYandisa Zizele uzicelela inkxaso yeevoti kuluntu emva kokuchongwa kwegama lakhe kwiiSATMA.

UZizele (22) nowaziwa ngegama likaMavura kule nqkubo, uthi ukuchongwa kwakhe kumenze wazithemba kwaye uthi uya kutsho anyukele nakwinqanaba elingentla nangakumbi. Le nkqubo uthi uyiqale kulo nyaka ka2021.

“Isizathu sokuba ndicele uvotelwa kungokuba ndifuna ukubuya nayo le mbasa, kwaye ukuba ndikhe ndabuya nayo izondenza ndinyukele kwinqanaba elingasentla kwezosasazo. Oku nje sele kuthetha lukhulu kum,” utshilo uZizele.

UZizele ngowaseNtsonyana kuGatyana. Uthi inkqubo yakhe imalunga nezesiNtu. “Isizathu sokuba le nkqubo igxile kwizinto zakwaNtu kungokuba ifuna ukubuyisela imvelaphi yethu ingakumbi kulutsha lwanamhlanje. Ulutsha lwanamhlanje luthe swiii kwizinto zasentshona, lwalibala ngemvelaphi yalo. Sikwanalo nexesha apho abantu baye bazithuthe khona,” uvale ngelo uZizele.

Xa umntu evota wenza kanje SATMA121 athumele ku49495. Uvota nokuba kukangaphi ngosuku.

Uvoto luyavala ngomhla wama25 kwinyanga ezayo. Umsitho uza kubanjelwa eMpumalanga ngomhla wama27 kwakwinyanga ezayo.

Ixesha lenkqubo kaZizele liqala ngentsimbi yeshumi elinesibini emini ukuyokutsho ngeyesithathu qho ngeCawe.