Imvumi ezenzele udumo kakhulu ngamagwijo esiXhosa, nalapho wonke ubani engasali ngasemva ekuculeni nale mvumi, icela iivoti kuluntu emva kokuchongelwa amawonga amabini kumawonga eeSATMAs.
UMr Vee Sholo, nogama elipheleleyo inguVuyisani Sholo, uchongwe kwiwonga leSong Of The Year kunye neleBest IsiXhosa Artist.
UMr Vee uqale ukucula ngonyaka ka2003, nalapho ubesebenza nezinye iimvumi njengemvumi exhasayo (backing vocalist) nemvumi encedisa ezinye estudio xa kurekhodwa (studio sessionist) ngolwimi lwasemzini. Ngonyaka ka2012 uye wakhupha icwecwe lakhe lokuqala elithi ‘Rejoice in the Lord,’ nalapho umculo wakhe uye wanomfutho nangakumbi emva kokuthabatha inxaxheba kwiVictory Gospel Music Awards.
Le nzalelwane yaseMdantsane, inawo namanye amacwecwe ezidla ngawo afana nelithi ‘UYesu uyabuya,’ nelikhuphe ngonyaka ka2016, kunye nelamagwijo elithi ‘Ngamamenemene,’ elikhutshwe ngo2022.
“Ukuchongwa kwam kwiiSATMAs kubaluleke kakhulu, kuba lonto ibonakalisa indima edlalwa ngumculo wam oyinxalenye yesiko lesiXhosa, kwaye inika ithuba lokuhlonitshwa komculo wesintu, nenkcubeko yethu,” utshilo uMr Vee.
UMr Vee akakho mtsha ekuchongweni kumawonga, nanjengoko ekhe wachongwa phambili phaya, kwiVictory Gospel Music Awards kunye neIndependent National Gospel Music Awards (INGOMA).
“Ndicela inkxaso kuluntu, ukuba lundivotele ukuze siphakamise umculo wesiXhosa nenkcubeko yethu,” utshilo uMr Vee
Uchaze umculo wakhe njengothumela umyalezo wenkuthazo kuluntu. Ukanti ukwathe xa enokuphumelela ezi mbasa ngeevoti, oko kungenza ukuba ilizwe jikelele liwuhloniphe umculo wesiNtu sakwaXhosa.
“Impumelelo kula mawonga ingabonisa ukuxatyiswa komsebenzi wam luluntu jikelele, ingakumbi abo bathanda umculo wesintu. Ukanti impumelelo ingayindlela yokukhuthaza abanye abasebenza kwishishini lomculo, bayazi ukuba sinako ukuphumelela singakhange sishukume kweli phondo leMpuma Koloni,” uvale ngelo uMr Vee.
UMr Vee ukwangumnini weRecord label ezimeleyo, iVeectory Music Production.
Ukuvotela uMr Vee, uthumela umyalezo othi 100SATMA19 ku-32436 (Song of the year), uze kwiwonga lesibini uthumele 077SATMA19 ku-32436 (Best IsiXhosa Artist).
Iivoti zivulwe kule nyanga yoMsintsi, kwaye zakuvalwa kwinyanga yeNkanga (November).
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’