UChidimma Adetshina, 23, oye warhoxa kuMiss South Africa wamkele isimemo sokuthatha inxaxheba kuMiss Universe Nigeria. Oku kusemva kokuba abaququzeleli bolu khuphiswano loonobuhle bememe uAdetshina.
UAdetshina warhoxa kuMiss South Africa ngethuba kuqhutywa uphando lweSebe lezeKhaya nolufumanise ukuba umama wakhe weba isazisi senkosikazi yaseMzantsi Afrika kwiminyaka engamashumi amabini anesithathu (23) eyadlulayo.
“Ndigqibe ekubeni ndithathe inxaxheba kwiMiss Universe Nigeria 2024. Ndiyaziqonda izinto ezilindelweyo kunye noxanduva oluza nale ntshinga kwaye ndivuyiswa kakhulu ukuqalisa olu hambo.
“Ndifuna ukuthi enkosi kakhulu ngeli thuba kwaye ndijonge phambili kowona khuphiswano lubalaseleyo eAfrika,” utshilo uAdetshina kwividiyo ejikeleza kumakhasi onxibelelwano.
USekela Mongameli weSilverbird Group inkampani eququzelela uMiss Universe Nigeria, uGuy Murray-Bruce, uthe kwingxelo, “Sifuna ukwandisa inkxaso yethu kunye nenkuthazo. Sikholelwa ukuba uhambo lwakho kukhuphiswano loonobuhle lusekude ukuphela kwaye maninzi amathuba okuba ubonise italente yakho, nobuhle bakho.
“Njengommi waseNigeria ngelifa lemveli, singathanda ukukumema ngokusesikweni ukuba uthathe inxaxheba kukhuphiswano lukaMiss Universe Nigeria 2024. Eli lithuba lokumela ilizwe likatata wakho kwiqonga lezizwe ngezizwe, kwaye sikholelwa ukuba uyakuba ngobalaseleyo,” utshilo uMurray-Bruce.
UAdetshina ube ngundaba-mlonyeni ngokuthatha kwakhe inxaxheba kuMiss South Africa walo nyaka emva kwemibuzo emalunga nobuzwe bakhe. Abantu babephikisana ngalo mba. Abanye abantu bebesithi akangowaseMzantsi Afrika kuba utata wakhe ngowaseNigeria kwaye umama wakhe kuthiwa ngowaseMozambique, nangona kusithiwa wazalelwa eMzantsi Afrika.
Ingaba iPirates inawo amandla okubhukuqa iMamelodi Sundowns?