UChris uzisa ulonwabo lomculo eMonti

Abantu baseMonti bazakube begxalathelene eThe Venue, eHemingways ngoMgqibelo umhla we-30 kuTshazimpuzi.

Ngolu suku, uChris Chameleon, nongomnye weemvumi ezaziwayo eMzantsi Afrika, uzakube etsholoza ngecwecwe lakhe elitsha tsha elibizwa “Firmament’’.

Eli cwecwe likaChris litsha, liqulethe iingoma ezintsha ezilishumi elinesibini. Amanxila engoma ngobu busuku, azakube ephulaphule olu ncuthu lweengoma ezihamba namabali abalisa akhuthaze ukubhalwa kwezo ngoma, iziqhulo njalo njalo.

UChameleon, owayefudula elilungu leqela iBoo, waziwa kuMzantsi Afrika wonke, hayi njengemvumi kuphela, kodwa nanjengomdlali weqonga kunye nomsasazi kamabonakude.

Le mvumi, ngenxa yokutsala iintliziyo zabaninzi, izifumanele amawonga aliqela kule minyaka mithandathu idlulileyo.

La mawonga aquka amawonga amabini eSouth African Music Awards (SAMAs) ngokunjalo neMedal of Honour eyayivela kwiSouth African Academy and Arts.

OnguManejala weeNtengiso eHemingways, uNeville Austin uthethe wenjenje ngotyelelo lwale mvumi: “Sichulumancile ukubhengeza ukuba uChris Chameleon uzakube etsholoza kwiqonga lethu elidumileyo lolonwabo- iThe Venue.

Ngenxa yetalente yakhe yokuqhula ngaxeshanye abe encamis’umxhelo, le mini siqinisekile ukuba iyakuhlala ihleli kubalandeli ixesha elide, ngoko lo mcimbi awufanelanga ukuphose!

Amatikiti afumaneka ngemali engange R120, kwaye afumaneka eComputicket.

Iingcango zivulwa ngentsimbi yesixhenxe, uze wona umcimbi uqale ngentsimbi yesibhozo ngokuhlwa.