UDedication ucula ngenkcubeko namafa akwaXhosa

IMVUMI yeAfro-Pop uSimamkele Mthetho, 23, usebenzisa ulwimi lwesiXhosa ukubalisa amabali ohlukeneyo ngemveli yakhe, ubomi kwanothando.

Le mvumi, ezibiza ngelikaDedication eqongeni, nenkaba yayo iseMatatiele, sele ikhuphe iingoma ezikwisithandathu zohlobo lweAfroPop exutywe nentwanana yeRap.

Kolu ludwe lweengoma (EP), uMthetho alukhuphe ngenyanga yoMdumba 2020, uneengoma ezifana noNawe, Ntombenhle, Emakhaya, Fresh Prince of Matatiele, Mahamba Yedwa noVuka Dlozi.

Le EP uyibiza Fresh Prince of Matatiele.

“Le EP ineengoma ezibalisa ngobomi esibuphilayo, uthando kwaneengxaki zobomi,” le mvumi incokolela I’solezwe lesiXhosa.

UMthetho uthi ukwacula nangamasiko nezithethe, ukufundisa abo bangenalwazi.

Uthi ingoma ayikhupha ngoMgqibelo, umhla we26 kweyoMsintsi, ethi ‘Kukude’ ibalisa ngokugoduka.

“Le ngoma ithetha ngomntu osuka ekhaya esiya eRhawutini ukuya kukhangela umsebenzi, afike apho kube nzima, ingabiyiyo le nto ayibona kumabonakude ngeRhawuti,” kubalisa uMthetho.

“Uye akhethe ukubuyela ekhaya engenamali, babe abantu becinga ubuya enemali, le ngoma ibalisa ngaloo nto.”

UMthetho uthi le ngoma ithetha naye wonke ubani kuba uluntu oluntsundu lujamelana nale ngxaki ixesha elininzi.

Uthi udibene nomculo ngethuba efulathela iMatatiele eyokufunda eGoli. Uthi umculo kaLil Wayne noEminem umenze waqala ukubhala umculo.

Ubalisa athi njengokuba ekhula uye waqala ukuliqonda kakuhle ikhondo lakhe lomculo waze wabona ukuba makabalise ibali lakhe ngesiXhosa.

“Ngoku ndincanca amava kubantu abafana noNtate Stunna waseLesotho noEmtee,” ubalisa atsho.

Uthi iingoma zakhe zifumaneka kumajelo omculo online, okanye uqhakamshelane naye xa ufuna ubuqu becwecwe.

simphiwe.freddie@inl.co.za