UDJ Mlu uphila iphupha lakhe kumaz’ omoya

UMlungisi DJ Mlu Dlukulu ongumsasazi weMetro FM

ABAPHULAPHULI beMetro FM ngeempelaveki bathi nqwadalala phambi koonomathotholo babo, bephulaphule ilizwi lomsasazi wabo abamthandayo, uDJ Mlu, kwinkqubo yomculo iThe Urban Beat.

UDJ Mlu uye wathandwa nangakumbi ngabaphulaphuli kususela oko iMetro FM ikunye neSABC 1 zize neqhinga lokonwabisa abaphulaphuli ngokuthi le nkqubo isasazwe ngqo kumabonakude rhoqo ngeempelaveki kweli xesha leLockdown.

UDJ Mlu uqhuba le nkqubo ikhethekileyo ebizwa ngokuba yiGet Together Experience, nalapho ooDJ baye bonwabise ababukeli nabaphulaphuli ngeengoma.

UDJ Mlu, ogama lokuzalwa linguMlungisi Dlukulu, wazalelwa eMakhanda (Rhini) kwiminyaka engama38 eyadlulayo.

Uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba endaweni yokufundela ezoMthetho (LLB) wakhetha ukufundela ezoSasazo (Media) emva kokuphumelela ibanga leMatriki eGraeme College eMakhanda ngo1999.

“Ndandimkhulu kwezemidlalo nakwezobugcisa esikolweni, ndandisonqena ukufunda kodwa ndandiqhuba kakuhle ezifundweni zam,” kubalisa uDJ Mlu.

“Ndaye ndafumana ibhasari yokufundela iLLB eRhodes, kodwa ndakhetha ukwenza ezoSasazo endaweni yoko,” kubalisa lo msasazi.

Waye waqalisa ukusasaza kunomathotholo iRhodes Music Radio (RMR) ngo2001. Kwesi sikhululo sikule yunivesithi wayeqhuba inkqubo yeAfternoon Drive kwaye wanguMphathi weeNkqubo phakathi kuka2002 no2004.

Ukususela ngoko uDJ Mlu zange aphinde abuye mva kwezosasazo. Waye wafudukela eRhawutini ngo2005.

“Ndaye ndafumana umsebenzi kwi-5fm. Ndaqala ngokwenza ezemidlalo ngeempelaveki kwinkqubo kaDicksy Ngqula noKevin Fines.

“ Ngo2006 ndaye ndayokwenza ezemidlalo kwiDrive Time kaGareth Cliffs. Ngo2008 ndazibandakanya neDrive Time kaDJ Fresh njengomsasazi wezemidlalo de yangu2009. Kwangaxeshanye ndandisenza inkqubo yam yeempelaveki iThe 5th Element , ndaze kamva ndenza iMinistry of Sound,” kuncokola uDJ Mlu.

Uthi isivumelwano sakhe sengqesho saye safikelela esiphelweni ne5FM. UDJ Mlu ngo2011 uye wayokwenza inkqubo yasebusuku eMetro FM.

“ Ngo2015 ndandisenza inkqubo ethi ‘I believe’ no-DJ Oskido ngeMigqibelo, ngeCawa ndenze iMetro FM Lounge,” kutsho uDJ Mlu.

Inkqubo ayenzayo ngoku uDJ Mlu, iThe Urban Beat, wayiqala ngo2017. Uthi kudala umculo iyinto yakhe, ukuba imali yakhe akayichithi ethenga iitshokolethi njengomntu othanda izinto eziswiti, ebethenga umculo.

UDJ Mlu uthi umculo yinto ayincance ebeleni.

“Ndiphuma kusapho lomculo. Utata wayebetha igubu kwiqela leJazz, yena umama elilungu lekwayala yecawa.” Uthi ukhule ezithandela iMetro FM ne-5 FM, kwaye ukusebenza kwezi zikhululo, ibe yinto enkulu ebomini bakhe.

UMlu wabelene ngeqonga neeDJ ezaziwayo ezifana noVinny Da Vincy, Glen Lewis, Fresh, Roger Goode nezaphesheya ezifana noTiesto, Kerry Chandler noManoo. Ungaphoswa yiUrban Beat ngempelaveki ebusuku kwiMetro FM, uzivele!