UDumi Mkokstad uzakube ejayivisa abantu ngengoma yakhe exutyiweyo ethi ‘Thixo Ndiyabulela.’
Le ngoma sele ifumaneka kumnatha wokutsala iingoma we-iTunes. UDumi uthi, le ngoma izakufumaneka kwicwecwe lakhe elithi ‘Ukhona uThixo’ kuFebruwari wonyaka ozayo.
Encokola neli phephandaba izolo uDumi uthe, “Le ngoma ikwicwecwe lam elithi “Ukhona uThixo’’, ndisebenze kuyo neJaziel Brothers kwaye izakufumaneka kwii-iTunes.”
Wazalwa enguMdumiseni Ndzimande, ezalelwa kwilali yaseCabazana eMt Ayliff.
Waqala ukucula eminyaka isithoba kuphela ubudala. Wathi xa eminyaka ilishumi ubudala, waze wanikwa igama lokuba nguMkokstad ngethuba eyokucula eKokstad.
UDumi, sele ekhuphe amacwecwe asithoba ukususela kunyaka ka-2000.
Udize ukuba unezicwangciso zokukhupha iLive DVD yakhe kunyaka ozayo.
“Kunyaka ozayo, phaya ngenyanga zooSeptemba, ndinethemba lokuba ndakube ndithengise iikopi ezingamashumi amane amawaka. Kwakhona, ndinqwenela ne-Live DVD yenzelwe eMonti,” utshilo.
Eli gatyana liminyaka ingamashumi amabini nesihlanu, lineembasa ezine. Uneembasa ezintathu ze-Crowns, waze wafumana imbasa kwibakala leBest Male Award kwii-ECMAs.
“Imithandazo yabantu endingabazi nokubazi, ukusebenza nzima, nokwenza umculo isonka sam semihla ngemihla,” ubalule oko uDumi njengonobangela wokuphumelela kwakhe.
Kulo nyaka, uthiwe jize ngembasa yeCrowns kwibakala leBest Song of the Year ngengoma yakhe ethi ‘Safa Naye’.
UDumi ufunde kwizikolo ezohlukeneyo eziquka iUpper Cabazana, iYeoville Boys, Minerva High nase Northberry Park eseMaritzburg.
Wenze izifundo ze-Bachelor in Social Science kwiYunivesithi yakwaZulu-Natal (UKZN).
Simbuza ukuba xa bengaculi ngesenza ntoni, uphendule wathi: “Ngendingumdlali webhola ekhatywayo. Ndakhe ndadlala kwiMaritzburg United yaba- selula, kwakusele kancinane ndingene kwiqela elikhulu leMaritzburg United.”
Dibana no-Dumi Mkokstad eSwaziland, eJozi FM nakwiDVD Shoot yeJoyous Celebration kule mpelaveki.
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party