Ufikelele kwisigidi sabalandeli uTwitter ka-AKA

IMVUMI yeHip-Hop * -AKA, ubhengeze kumakhasi onxibelelwano ngoLwesibini (19 kuTshazimpuzi) ukuba, ufikelele kumthamo wesigidi sabalandeli kuTwitter, lo nto yamenza imvumi yokuqala yoMzantsi Afrika ukufikelela kweli nani.

U-AKA uhleli kwindawo yeshumi elinanye njengosaziwayo onefuthe kweli.

Esi sibhengezo sityhutyhe uTwitter nge-hashtag ethi #1MillionMegas nebilandelwa yimiyalezo yenkxaso esuka kubalandeli bakhe.

U-AKA, nowazalwa enguKiernan Forbes, yimvumi, umbhali nomvelisi womculo ofumene iimbasa eziliqela, nowafumana udumo emva kokukhupha icwecwe lakhe * -Altar Ego ngonyaka ka2011, nto leyo yamenza athiwe jize kabini ngeBest Male kwiimbasa zee-SAMA.

Ephawula ngoku, uAKA uthe, “Kumnandi ukubona ukuba abalandeli bam nabaxhasi bakhulile. Ukuba yimvumi yokuqala yoMzantsi Afrika, ukuwelela kwisigidi kuliwonga kum, kwaye ngethemba andingowokugqibela. Kukwabalulekile ukukhumbula ukuba into ebalulekileyo ngumculo olungileyo, ngaphandle koko, akukhonto ibinokwenzeka,” utshilo uAKA.

U-AKA, okwabelene ngeqonga lamazwe ehlabathi neemvumi ezifana noKanye West, Big Sean, Snoop Dogg no-Kendrick Lamar, uphinde wabhengeza ngovuyo ikhonsathi yakhe i-SUPAMEGA SHOW. I-SUPERMEGA SHOW iquka iimvumi zoMzantsi Afrika ezifana no-

Da LES, Yanga, MaE, Kwesta, Maggz kwakunye noBig Star ngomhla we- 1 kuCanzibe , eZone 6, eSoweto.