ITYENDYANA laseQonce elingenele ukhuphiswano likaMr South Africa lifuna ukuchukumisa izazela zolutsha lwasezilalini.
USinethemba Mdunyelwa, 32, uthi ngokungenela uMr SA 2021 ufuna ulutsha luphakame, luphathelele ekufezekiseni amaphupha walo.
Encokolela I’solezwe lesiXhosa kule veki, uMdunyelwa, ophakathi kweenzwana eziselula ngokweminyaka nezingenele uMr SA 2021, uthi eli lithuba lokuba abo basebatsha baqalise ukusebenza kumaphupha abo.
Le nzalelwane yaKwaMadliki, eMount Coke, eQonce, ithi kuMr SA iyokuphakamisa isibane sabatsha abasezilalini.
“Ingakumbi njengokuba ndizalelwe ezilalini ndafunda khona, ndifuna ukubabonisa ukuba oko akuyi kuba ngumqobo ekufezekiseni loo maphupha banawo,” kutsho uMdunyelwa.
UMdunyelwa, osele ezinze eRhawutini akayomodeli nje kuphela, koko uyaziwa nakwimidlalo ethile kumabonakude.
Udlale iindinyana kwimidlalo efana neThe Queen, Isibaya nakwi-Omen.
Wakhe wangenela ukhuphiswano lokucondoba iCollective Model Hunt eNelson Mandela University ngo2018, nalapho waye waphuma kwindawo yesibini.
Uthi kudala elwazi ukhuphiswano lukaMr South Africa, kodwa ucinga ukuba elona thuba lakhe leli.
“Ndimele indawo yam yasezilalini, iphondo leMpuma Koloni noMzantsi Afrika uwonke.
“Ndikwafuna ukuba abatsha bahambele kude kwiintlobo ezininzi zeziyobisi bagxile kumaphupha abo, ” kutsho uMdunyelwa, othi ufuna ukuba nguMr SA wokuqala ozalwa eMpuma Koloni.
Uthi ukhuphiswano olufana noMr SA alikhangeli buhle kuphela, kodwa likwafuna abo bakwazi ukucinga.
Imbonakalo yakhe uthi uyigcina ngokuzilolonga yonke imihla, kwaye atye ukutya okusempilweni.
UMr SA uza kubanjwa xa kuphela lo nyaka.
Xa ufuna ukuvotela uMdunyelwa, bhala umyalezo othi MRSA56 uthumele kwinombolo engu-40439.
Lusindiso Ndabakayise uthi iMighty Eagles iza kudlalela ukuwawisa AmaZulu!