Ufuna ukudlala kwi-7de Laan?

INGABA kudala unephupha lokuzibona udlala kumabonakude, kwaye uhlala eBhayi, eBloemfontein naseKimberley?

Ukuba kunjalo unethamsanqa lokufezekisa elo phupha kuba, umdlalo kamabonakude i-7de Laan ikhangela wena!

Abakwa-7de Laan basendleni esingise kwezi zixeko zikhankanywe ngentla, bekhangela abadlali abakwiminyaka ephakathi kwama-25 ukuya kuma-35 ubudala. Ukuze uthabathe inxaxheba kwii-auditions ezizakubanjelwa kwezi ndawo, naku omawukwenze:

Thumela iCV yakho;

Iilwimi ozithetha ngokusulungekileyo;

Ifoto yakho epheleleyo;

Ngokunjalo nefoto yokulinganisa.

QAPHELA: Ngabantu abakwiminyaka ephakathi kwe-25 ne-35 kuphela abanokungenela.

Umhla wokuvala yi- 13 kweyeKhala/Julayi.

Ungathumela konke okufunwayo kule dilesi ye-imeyili:

oudisies@sewendelaan.co.za

Kusenjalo, i-7de Laan kulindeleke ichatshazelwe lutshintsho lwenyanga ezayo eSABC, nanjengoko ifuduka kwixesha lesiqhelo isiya kwintsimbi yesixhenxe ngokuhlwa.