UGcwabe ushiya umthandazo wekhorona

UMalibongwe Gcwabe ekunye noKhanyisa ngethuba beshicilela ingoma yabo engekhorona

IGQALA leGospile elisandul’ ukusutywa kukufa, uGqr Malibongwe Gcwabe, ushiya ingoma entsha kraca ethi “Rise up from Corona”.

Le ngoma, nesele ikwiivenkile zeintanethi sithetha nje, uGcwabe uyenze noKhanyisa Sabuka. Encokolela I’solezwe lesiXhosa, uKhanyisa uthi wafowunelwa nguGcwabe kwiveki ephelileyo emcela ukuba mabangene estudiyo bayokushicilela le ngoma.

“Wafowuna esithi MaKhanyi dadewethu kunengoma endifuna siyenze yekhorona, kodwa ndikhangela istudiyo kuVovee [Batala]. Wafowuna esithi masingene ngoMvulo estudiyo, iveki eyandulela eyokuhamba kwakhe emhlabeni,” kubalisa uKhanyisa.

“Oku kuye kwandonwabisa kakhulu. Siyenze ngoLwesibini le ngoma ithi ‘Rise up from Corona’. UDavide wacula uSawule enomoya ombi, wasuka kuSawule loo moya, unendawo athandaza kuThixo ngale khorona uMkhonzi apha engomeni kwaye uyamva ukuba uthandaza ekumoya,” kubalisa uKhanyisa ngale ngoma.

UKhanyisa uthi uGcwabe ubhubha beza kwenza ividiyo yale ngoma. UKhanyisa noGcwabe badibana ebutsheni beminyaka yoo1990 ecaweni yaseAssemblies of God.

Ubalisa athi babeneqela lomculo phambi kokuseka iYouth With Mission ngo1995. Uthi igama leYMW leza noGcwabe. Ngo1996 eli qela lakhupha icwecwe lalo elitsha besebenza noSizwe Zako.

UKhanyisa uthi uGcwabe wayebhala ze alungiselele eli qela umculo.

“Ilizwi lakhe elisisitshotho lichukumise abantu abaninzi ingakumbi kwingoma ethi ‘Azaziwa Khona’.

IYouth With Mission yachongwa kwiSAMAs. Sakhenketha ilizwe lonke kuquka nakumazwe angaphandle abantu bechukunyiswa kakhulu lilizwi lakhe,” kubalisa uKhanyisa.

Uthi nangexesha sele bezimele ngokwasemculweni uGcwabe ebembiza xa eseqongeni ukuze bacule kunye iingoma zabo zakudala.

UKhanyisa uthi uza kumkhumbula ngezinto ezininzi uGcwabe, uthando lwakhe, ukuzimisela kwakhe kumsebenzi kaThixo, ukubhala kwakhe iingoma, ubuchule bokuqala ingoma nokukhulisa iimvumi eziselula.

UGcwabe ubhubhele kwisibhedlele saseCicilia Makiwane emva kokukhala ngeentlungu esifubeni ngoLwesithathu weveki ephelileyo.

UGcwabe ukwangumsunguli weRemnant Ministries. Waziwa ngeengoma eziliqela eziquka uEnkosi Bawo, Calvary, Siyakudumisa nezinye.

Ubhubha eminyaka ingama55 ubudala. Kulindeleke abekwe kwikhaya lokugqibela ngomso.