UGita uyalahla kwi-7de Laan: Izizathu?

Akukapheli nenyanga uDiaan Lawrenson odlala indawo kaPaula kwi-7de Laan ebhengeze ukuba uzibeka phantsi iintambo njengomdlali osisigxina kulo mdlalo kaSABC 2 nanjengoko efudukela eKapa nosapho lwakhe, eyokusebenza njengomhlohli kwisikolo sobugcisa iAFDA.

Ngoku kuvakele ukuba uJo da Silva, odlala indawo kaGita kwakulo mdlalo, naye uyawufulathela lo mdlalo oveliswa yiDanie Odendaal Productions. Kwingxelo ekhutshwe yiDanie Odendaal Productions ngoMvulo, ithe uJo ushiya lo mdlalo ngezizathu zokuchitha ixesha nentombi yakhe, nefunda eKapa.

Kwaye ngelixa eseKapa, uJo unezicwangciso zokufezekisa eminye imidla anayo kwezinye iinkalo.

Ongumpapashi kumdlalo i7de Laan uRosa-Mari Erasmus, uthe: “UJo uzakuba nalo mdlalo de kube sekupheleni kwekaCanzibe, kwaye ababukeli basezakumbona kumabonakude de kube sekuqaleni kwenyanga yeThupha.”

Akukaziwa ukuba uGita uzakuyishiya njani iHillside.