UGoba uthath’ ikhefu kwiiSATMA!

UMSUNGULI weeSATMA, uGqirha Dumisani Goba, uza kukhe athi gu bucala ukuba phambili ekuququzeleni imisitho yeSouth African Traditional Music Achievements Awards (SATMAs) ukuze anike ithuba ulutsha luze neembono ezintsha.

UGqr Goba ukuthethe oku kwimibhiyozo yeeSATMA yokugqiba iminyaka elishumi elinesihlanu ebibanjelwe eIngwenyama Conference and Sports Resort, eWhite River kwiphondo laseMpumalanga.

Iimvumi ezifana noDr Nothembi Mkhwebane, iBlaq Diamonds noVhudie wodumo lweeIdols kuquka amaqela emixhentso neekwayala, bebetshintshiselana ngeqonga kule mibhiyozo.

Bekukho noosaziwayo abanjengoSimphiwe Ngema noPhindile Gwala abakwabubuso beSupa Vite engumxhasi weeSATMA, phakathi kwabo kukho nezitatanyiswa eziphuma kurhulumente waseMpumalanga.

UGoba wazise iqaqobana labantu belizimase le mibhiyozo phantsi kwemiqathango yeCOVID-19 ukuba isigqibo sokuthatha ikhefu kwiiSATMA kudala wasithabatha.

“Ndathatha isigqibo kudala sokuba, xa sifika kwiminyaka eyi15, ndithatha ikhefu ukuze ulutsha luyiqhube ngokwalo le projekthi.

Kulo nyaka, ngunyaka wam wokugqibela, kodwa andiyithengisi le projekthi, iza kuqhuba ikhula,” kwazise uGoba ngokuhlwa kwangoMgqibelo ophelileyo.

Uthi ukuze iSATMAs zikhule ziza kufuna ulutsha oluneembono ezisentsha.

UGoba uphinde wadiza ukuba ukususela kunyaka ozayo uza kugxila kwizifundo zakhe.

“ Kunyaka ozayo ndigqibe ukuqhuba nezifundo zam. Ndathatha isigqibo sokuba phambi kokuba ndifince iminyaka eyi55 kufuneka ndibe ndine-PhD,” kubhengeza uGoba, esithi oko engakwenzeli kuphangela nemali, koko ekwenzela umzila wakhe.

Amawonga alo nyaka aza kubanjelwa okokuqala eMpumalanga ngomhla wesihlanu kweyoMnga, emva kokuhlala kwiphondo laseMntla Ntshona iminyaka emithathu.