UGqirha ophilisa ngeyeza nangengoma

UGQIRHA Sindile Simama akafuni kuphilisa kuphela ngokusebenzisa iyeza nenaliti, kodwa ufuna ukusebenzisa nelizwi lakhe elimnandi ukuze afikelele nasemoyeni womntu.

UGqr. Simama, ozibiza uSmama kwiqonga lomculo, ukhuphe ingoma yakhe entsha ethi Isiqalo.

Le ngoma uthi yeyokubhiyozela isiqalo esihle esiluthando kuquka nohambo lwakhe kwizigaba zothando.

“Ikhangele izigaba zothando, ukuncwasa, ukubaseluthandweni nokuzimanya ngeqhina lomtshato.

“Amaxesha amaninzi singena eluthandweni sisithi siyadlala kanti iya kuba sisiqalo sanaphakade eso,” kutsho uSmama.

Le nzalelwane yaseMakhanda ithi le ngoma ikwalungele nabo badlule kwiingqinamba ukuze bafikelele kwindawo abakuyo kubudlelwane babo.

“Ayikho enye ingoma esifanele ukubhiyozela ngayo imihla yokugqiba iminyaka ethile eluthandweni kwanokuzimanya ngeqhina lomtshato njengale. Ikwakhuthaza kwanabo basaqalayo kuhambo lothando,” kutsho lo Gqirha wezonyango.

USmama, 45, uthi Isiqalo sikwaphawula uhambo lwakhe lokuqala njengemvumi yeAfrosoul, nazimisele ukukhula aye phambili kolu hlobo lomculo.

Kuyiminyaka uSmama ekhona kwiqonga lomculo kususela kwango2009.

Ukhe wabhalela nemvumi yegospile engasekhoyo uLundi Tyamara iingoma kuquka nengoma eyaduma kakhulu, yaze yachongwa nakwiiMbasa zeeCrown ethi “Ndicel’impilo.”

Ngo2012, uSmama ukhuphe icwecwe legospile elibizwa “Ndiphelele.”

“Ngokuba ndazibona ukuba ndiphelele njengomntu kuba kwakukudala ndithanda ukucula, ndifuna ukukhupha umculo ndabelane ngawo nabanye abathandi bomculo,” utshilo.

Kususela ukuqala kwakhe emculweni, uSmama usebenze neemvumi eziliqela ezinjengoLundi, Berita, Nokwazi, Bonakele, Thulani noPutuma Tiso. Uthi angathanda ukusebenza noRingo Madlingozi noBrenda Mtambo.

“Kungakuhle nokwenza iremix yeSiqalo neeDJ ezifana noMaphorisa noKabza. Ndicinga ukuba le ngoma ingaqhuba kakuhle kumculo wamapiyano. Phaya ekugqibeleni kule ngoma sifake intwanana yesandi samapiyano.”

Uthi kule ngoma usebenze noZuko SA wendumasi yengoma ethi Qhawe Lam.

“Umsebenzi wakhe mhle kwaye uye wakwazi ulifumana ilizwi lam nesandi esiza kundisebenzela,” uqhayise watsho.

USmama uyangqina ukuba umculo uyakha kwaye uyaphilisa.

“Ndiwufumanisa uyindlela yokugqibelelisa uhambo lwam njengomphilisi kuba ngawo ndiye ndifike apho ndingasoze ndikwazi ukufikelela khona njengogqirha wezonyango – emphefumlweni,” kutsho lo gqirha ozinze eRhawutini.

USmama ukholelwa ukuba ubani angakwazi ukwenza nantoni na abeka ingqondo yakhe kuyo.

Uthi ukuze enze imisebenzi yakhe yomibini, ukubangugqirha nemvumi, uye ashicilele iingoma xa kutshona ilanga ebuya emsebenzini. Uthi ukubhala kona kulula kuba ubhala naphina xa kufika ingoma.

USmama uthi uza kukhupha icwecwe elineengoma ezintandathu (EP) kunyaka ozayo.

Le ngoma iyafumaneka kwiivenkile zomculo ezikwi-intanethi okanye ungacofa kweli khonkco https://linktr.ee/smamamusic