UKUSUSELA kwisiqendu sokuqala somdlalo omtsha iGqeberha: The Empire, ababukeli bebeveza izimvo ezohlukeneyo ngendlela lo mdlalo owenziwe ngayo, uninzi lugxeka abadidiyeli, ababhali, abaqondisi nkqu nabadlali abasemanzi emva kwendlebe.
Abanye babadlali abafumene amatye kumakhasi onxibelelwano ligqala lemidlalo kamabonakude uMbulelo Grootboom.
UGrootboom udlala indima ephambili kaLuzuko Mxenge ongusomashishini onabafazi abathathu abaquka uBulelwa (Zikhona Sodlaka), uZimkhita (Zandile Msutwana) noNozuko (Kay Bikitsha).
UGrootboom ugxekwe ngendlela athetha ngayo isiXhosa nangendlela “ekunzima ngayo kuye ukuthetha ngohlobo ekuthethwa ngalo isiXhosa eGqeberha.”
Kwincoko ayenze neli phephandaba, lo makhwekhwetha womdlali uvumile ukuba umngeni wolwimi lwengingqi ubukhona phantse kubo bonke ngethuba beqala kodwa sekungcono ngoku.
“Ewe besinomngeni sonke ngendlela ekuthethwa ngayo eGqeberha okanye eBhayi. Kodwa ndiye ndaqala nokuzixuba nabantu baseBlawa naKwaZakhele nalapho izinto ziye zayondelelana. Noxa isengumsebenzi lowo, kodwa ndiyawuthanda,” kutsho uGrootboom.
UGrootboom uthi uyakonwabela ukudlala indawo kaLuzuko Mxenge.
“Ndiyonwabela nyhani le ndima nangona inemingeni kwaye isoyikeka ngaxeshanye,” utshilo.
Abanye kumaqonga onxibelelwano bebenabadlali abathile abe bengathanda ibe ngabo kule ndima kaMxenge, kodwa uGrootboom uthi bekufunwa indoda enomtsalane.
“Bebefuna umntu owomeleleyo, abe nesidima, abe nomtsalane kwaye abe ngumntu wabantu. Umntu okwaziyo ukungena eziofisini ezinkulu ngaxeshanye nasemicimbini,” kutsho uGrootboom, odlale kwimidlalo eliqela efana neZ’bondiwe, iMontana neRing of Lies.
UGrootboom uthi akaziboni izigxeko ezivela eluntwini kodwa ubona abo bamqhwabela izandla.
“Andikaziboni izonyeliso kuba endibabonayo bayancoma, bayandixhasa kwaye bayandikhuthaza. Kodwa noxa kunjalo ndiyaluhlonipha uluvo lwabanye ekupheleni kosuku. Ndithe gqolo ukufunda kulo,” utshilo.
IGqeberha : The Empire idlala kuMzansi Magic phakathi evekini ngo9 ebusuku.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’