Uhamba nabani kuluhlu lwe-Record of the Year?

ABE South African Music Awards (SAMAs) badize amagama abo bachongelwe kwibakala le-Amstel Record of the Year.

Eli bakala libaluleke kakhulu libhengezwe kwinkqubo yeSABC 1 -iLive Amp ngenjikalanga yangoLwesihlanu. Oku kuza emva kokubhengezwa kwabachongwa bamawonga angama-22 eeSAMA kwinkomfa noonondaba ebibanjelwe eSoweto Theatre ngentsasa yangoLwesine.

Abee-SAMA bakuqhogwano nabakwaAmstel kwibakala leRecord of the Year nelinabachongwa abangamashumi amabini.

Eli bakala livotelwa luluntu. Umsitho wezi mbasa uzakubanjelwa kwiziko i-ICC eThekwini kwiphondo lakwaZulu-Natal.

Abachongwa be-Amstel Record of the Year ngaba:

1. AKA – All Eyes On Me (w/ Burna Boy, Da Les & JR) 2. Shekhinah & Kyle Deutsch – Back to the Beach 3. AKA – Baddest 4. Prince Kaybee – Better Days (w/ Audrey) 5. Ricky Rick – Boss Zonke 6. DJ Fisherman & NaakMusiq – Call Out (w/ Dream Team, Danger & DJ SK) 7.Mobi Dixon – City Rains 8. DJ Kent – Don’t Let Go (w/ Mo- T) 9. Four 7 – J’ Adore (w/ Tiffany) 10. DJ Merlon – Koze Kuse (w/ Mondi Ngcobo) 11. Nathi – Nomvula 12. EMtee – Roll Up 13. Timo ODV- Save Me 14. Dbn Nyts – Shumaya (w/ Zinhle Ngidi & Trade Mark) 15. K.O – Skhanda Love (w/ Nandi Mngoma) 16. Heavy K – Sweetie (w/ Nokwazi) 17. Anatii – The Saga (w/ AKA) 18. DJ Dimplez- Way Up (w/ Cassper Nyovest & JR) 19. Black Coffee – We Dance Again (w/ Nakhane Toure) 20. Mi Casa -Your Body.

KUVOTWA KANJANI? Cofa * *120*72221# kumnxeba wakho uze ulandele imiyalelo, inombolo yengoma yakho oyithandayo okanye imvumi.

Ixabisa i- 20 cents imizuzwana eyi-20.