Uhlengahlengiso apha naphaya kunomathotholo

USomizi Mhlongo-Motaung usaza kuqhuba eyinxalenye ye-The Bridge kune noDineo Ranaka, noLerato Kganyago kwiMetro FM umfanekiso: metro fm

AZIBUYANGA iintandane zabasasazi bakanomathotholo kwinyanga kaTshazimpuzi kwizikhululo zosasazo.

Abanye babasasazi abathandwayo ngabaphulaphuli bakanomathotholo, ingakumbi kwizikhululo zeSABC badliwe lizembe.

Rhoqo xa kuqala inyanga kaTshazimpuzi, inyanga yokungena kunyakamali omtsha, izikhululo zeSABC ziye ziqalise iinkqubo ezintsha okanye zifake abasasazi abatsha ngelixa abanye baye bazibone bedliwa lizembe.

Kwisikhululo sosasazo iMetro FM, uSiphokazi January, uNtombi Mzolo kwakunye noRelebogile Mabutja – ababonakali nangotshengele kuluhlu lweenkqubo zonyakamali omtsha.

Isikhululo sesithathu ngobukhulu kwiSABC, iMetro FM, kule veki ibhengeze uhlengahlengiso kwiinkqubo zayo.

Kule ngxelo ebhaliweyo, esi sikhululo sibhengeze ukuba ngenxa yempumelelo yaso ka2019, apho iMetro FM ibonakalise impucuko ngenxa yoluhlu lweenkqubo eziqhubayo, igqibe ukwenza utshintsho olungephi pha naphaya.

Azichukunyiswanga iinkqubo ezifana neMorning Flava kaMo Flava neMOP Team yangeentseni phakathi kweyesihlanu neyesithoba. Le nkqubo ilandelwa yiThe Bridge noDineo Ranaka, uLerato Kganyago noSomizi Mhlongo-Motaung phakathi kweyesithoba neyeshumi elinambini, emva koko ibe nguThomas noPearl nenkqubo yabo yedinala de ibe yintsimbi yesithathu.

Inkqubo yeDrive, iThe Kings Suite, yongeze ilizwi elitsha likaLindi Serame. ULindi waziwa kwiNewsroom Afrika.

Esi sikhululo sikwabhengeze ukuba siza kuba neenkqubo zokuphuhlisa italente entsha neselula eza kusebenza kwiMetro FM kwixesha elizayo.

Ezi nkqubo zintsha yiThe Lift, phakathi kweyesibini ukuya kweyesine ngentseni ngeempelaveki.

Ukanti phakathi kwentsimbi yesine ukuya kweyesithandathu kuza kubakho inkqubo ethi Club with Mat Elle eza kubhexeshwa nguRorisang Thandekiso noNthabeleng Matela.

URorisang waziwa kwinkqubo kamabonakude iMzansi Insider neYoTV, ngelixa uNthabiseng bengumbhexeshi weAfternoon Drive eTuks FM.

Ingaba singabona nezikhululo ezifana noMhlobo Wenene FM ilandela kweli nyathelo lokugqogqa italente? Sizindlebe zakho!

ULuthando Lootlove Shosha uzibandakanya nebhrakfesi yangeempelaveki, iThe WKNDR noMoG, eshiya uDJ Speedsta ezihambela yedwa kwiAbsoulte Hip-Hop. Ukanti uChante Jantjies ongunondaba kamabonakude kwiSABC, uza kuza neendaba kule nkqubo.

Umhlobo Wenene FM akenzanga tshintsho lungako kulo nyakamali ngaphandle kolo I’solezwe lesiXhosa besele likuthe thsuphe ngalo.

Ngoku uSJL woMhlobo Wenene phakathi kweyokuqala neyesithathu wenziwa nguLuks Gidane noZintle Mbusi.

Ukanti kwiTruFM, inkqubo ebisenziwa nguLuks yenziwa nguSlujah Bunu obesenza uJaivah Mzansi kuMhlobo Wenene. USlujah uqhuba le nkqubo yeTruFM noBabalwa G.

Asikeva ukuba kuza kwenzeka ntoni kwindawo kaJaivah Mzansi.