UJudith Sephuma utsholoza kwiqonga laseMonti!

IMVUMI engusaziwayo kumculo woMngqungqo, uJudith Sephuma, uza kutsholoza kwiqonga laseMonti kule veki.

Oku kukuthuthuzela uluntu obe lujonge ngabomvu uMnyhadala wesibini kulo nyaka woMngqungqo obanjelwa eMonti.

Ngenxa yeCovid-19, lo mnyhadala weEastern Cape Jazz Festival (ECJF) oqale kunyaka ophelileyo, awuyi kwamkela uluntu olungaphaya kwamashumi amahlanu, kodwa uluntu lakonwatyiswa kwikhasi likaFacebook le-ECJF, oku kudizwe nguSihlalo we-ECJF uMlindi Ntloko kwiphephandaba I’solezwe lesiXhosa.

Lo mnyhadala walo nyaka uza kuqala ngoLwesine uphele ngokuhlwa ngoLwesihlanu.

“Ngenxa yeCOVID-19 ethwaxe ihlabathi lonke, lo mcimbi weentsuku ezimbini uza kubanjwa online kwikhasi lethu likaFacebook,” kuvakalisa uNtloko.

UNtloko uthi kuqala bebegqibe kwelokuba lo mnyhadala uhlehliswe kwaphela kulo nyaka.

“Siphantse sawunqumamisa ngenxa yeCOVID-19, kodwa sabuya sahlala phantsi sacinga ngeqhinga esinokuza nalo.

“Kulo nyaka asijonganganga ngeniso, kodwa sicingele uluntu oluthanda iJazz neemvumi zeJazz ezisakhulayo ezizifuna kumaqonga amakhulu, ” kutsho uNtloko.

Lo mnyhadala walo nyaka uza kuqala ngoLwesine, umhla weNkcubeko, nalapho igqala lemidlalo yeqonga uGqr John Kani aza kube esenza isifundo sonyaka.

Oku kulindeleke kwenziwe ngonxibelelwano lwale mihla.

” EMpuma Koloni asizingci ngokubalikhaya lamagqala nje kuphela, kodwa sikholelwa ekubhiyozeni loo magqala ngelixa esadla amazimba ukuze sifunxe ulwazi nobulumko,” kutsho uNtloko.

Kusuku lwesibini lwalo mnyhadala, uJudith Sephuma ekhatshwa nguSylvester Mazinyane baza kukhwela eqongeni.

Umxholo walo nyaka uthi “Celebrating South Africa’s Living Human Treasures”

Isifundo sikaKani siqala ngentsimbi yesibhozo ngokuhlwa kwikhasi leFacebook elithi: @EasternCapeJazzFest, yena uJudith Sephuma atsholoze ngentsimbi yesixhenxe ngoLwesihlanu eICC, nalapho ubani eza kubukela kweli khasi leFacebook.

simphiwe.freddie@inl.co.za