UKatlego Sibeko ufudukele kwiScandal!

EMVA kokuba uKgomotso Christopher (Katlego Sibeko) evalelise kubathandi bakhe kumdlalo Isidingo kwinyanga ephelileyo, ngoku I’solezwe lesiXhosa lingangqina okokuba le nzwakazi ifumene indawo entsha kumdlalo we-e.tv iScandal!.

I’solezwe lesiXhosa lincokole nompapashi weScandal! nalapho azingqinileyo ezi ndaba zimnandi kangaka kubathandi bakaKgomotso.

“Ngokwenene oku kuyinyani, uKgomotso Christopher kungoku nje uzakuba yinxalenye yeScandal!.”

Kubonakala ngathi ungena ezihlangwini zikaMasasa Mbangeni, nanjengoko sisazi ukuba uThembeka uyashiya kulo mdlalo, kwaye uLwesihlanu we-27 kuCanzibe/Meyi 2016 lusuku lwakhe lokugqibela lokuvela kwiScandal!.

UKgomotso uyagaleleka ekuzeni kuphela kukaJuni, ungena njengoYvonne Thebe, unina kaNaledi nowayeyinkosikazi kaHector Thebe.

Ecacisa banzi ngendima kaKgomotso kwiScandal!, uIse van Hemert uthe, Uza engumama omhle, onomtsalane, umama onothando owahlutshwayo naye wenza ezakhe iimpazamo ebomini, kungoku nje uza ngelizokufuna uxolo.

Unamandla okutsala amadoda ukuze afumane oko akufunayo. Uyawasondeza ngelicinga ukuba kukhona azakuzuza ngenye imini.

Bona noHector bohlukana, waze wayigxotha inkosikazi yakhe endlwini. Indima yakhe ichazwe njengebufana naleyo ebeyidlala kwiSidingo, kodwa ngoku uzakube ethetha ulwimi lwesiSotho.

Nangona nje uYvonne ( indima azakuyidlala) ekwiminyaka yoo-40, ngelixa yena uKgomotso ekuma-30 anento eminyaka, babonile ukuba angalunga ukudlala njengomama kaNaledi, uyajongeka, kwaye usithetha kakuhle isiSotho.