UKeke unxanelwe ithuba lokusasaza

UTHANDO lwezosasazo lukanomathotholo lwenze ukuba uSisonke ‘Keke’ Mthathi azivulele unomathotholo othi yena kuFacebook.

UMthathi, 27, rhoqo ngoMvulo ezintsukwini ushicilela ividiyo apho asasaza ngolwimi lwesiXhosa, ezama ukuveza intshisakalo anayo ngonomathotholo, ekwasebenzisa eli thuba ukucebisa, ekhuthaza abaphulaphuli bakhe ngezinto ezohlukeneyo.

Eli gqiyazana laseMthathi, eQonce, liziteketisa ngokuba yiBoss Lady yaMaz’omoya.

Xa esasaza inkqubo yakhe ayibiza Masifundisane kuFacebook, uMthathi uye ayisasaze ebambe umboko, aqale azazise engalibali nokuzithutha athi:

“Mandikubulise ndikwamkele, igama lam ndinguKeke wakwaMthathi – iBoss Lady yaMaz’ omoya. NdinguMaMping’ isiduko, uSenzwa, uMawawa, uMbhalakankqoshe….”

UMthathi ukhulele eGinsberg kwaseQonce, ngumama kunyana wakhe ononyaka omnye ezelwe kwaye ukwayiyo nemvumikazi yomculo womngqungqo.

IBoss Lady izichaza njengomntu othanda ukukhuthaza nokonwabisa.

“Ndingumntu okholwayo kakhulu, ndingumntu ozithandela abantu, ndithanda usapho lwam olundixhasayo, ndithanda ukukhuthaza nokonwabisa abantu,” kutsho uMthathi exelela I’solezwe lesiXhosa.

Ukuphelelwa kukaMthathi ngumsebenzi kwindawo awayesebenza kuyo ngo2017, kwamnika ithuba lokubhaqa isakhono anaso sokusasaza.

Waye wabona ithuba kwiNgqushwa FM kanti kukufezekiswa kwephupha kuye.

Lo msasazi uthi ukhule ephulaphula Umhlobo Wenene FM, waqonda kwangoko ukuba uyabawela ukusasaza ukuze ilizwi lakhe liphilise abanye abantu.

“Ukusasaza ndaqala eNgqushwa FM ngo2017, isikhululo siqala ukuvula, ndaya kwii-audition kwathi kanti bayasibona isakhono sam sokusasaza.

“Ndibulele kuSiphiwo Boqwana owandifundisa ukusasaza, ndibulele nakubaphathi bonke ngethuba abandinika lona,” kutsho uMthathi.

Kwesi sikhululo saseNgqushwa, uMthathi wayesenza inkqubo yangentlazane ethi The Satisfaction phakathi kweyesithoba kusasa neyeshumi elinesibini emin’ emaqanda.

“Indlela zange ibe lula kuba ndandiqala ukuba semveni komboko, kodwa ndibulela inkxaso yabaphathi nabaphulaphuli,” kuvakalisa iBoss Lady.

Ngo2018, uMthathi wabizwa yiNkqubela FM eGqeberha, apho wafika wabhexesha inkqubo yangoLwesine ethi Isikhungo Samanina, nayo eyayiqala ngeyesithoba ngentlazane ukuya kweyeshumi elinesibini emini.

Ebalisa ngokuqala kwakhe unomathotholo kuFacebook, uMthathi uthi zange alale, enexhala lokuvuka asasazele abantu.

“Ngenye intsasa ndavuka uYolanda Mbolompo weAfroBae ebhale kuFacebook esithi ‘khasidike ngento oyithengisayo, sebenzisa ikhasi lonxibelelwano ukuthengisa olo shishini lwakho’ ndaqonda andithengisi nto kodwa ndinaso isakhono, kwaye ndiyayikhumbula iwayilese, ndakhuthazeka ngalo mazwi, ndavuka ndarekhoda ividiyo, ndamangazwa kukubona abantu beyithanda, bandixhasa babonakalisa umdla.

“Ndaqonda mandinike abantu into abayithandayo, ndibonakalise isiphiwo sam, yaba sisiqalo eso sikanomathotholo kaFacebook. Rhoqo ngeMivulo ngo10:00-10:30 ndifaka ividiyo ndisasaza,” kutsho uMthathi.

Ngoku iBoss Lady ilinde iziphumo zokuva ukuba iyangena kusinina kuMhlobo Wenene FM.

Esi sikhululo siqhuba ukhuphiswano lokukhangela abasasazi abangamanenekazi.

“Ndifake kwiinkqubo ezimbini, Ezolonwabo nakuLelikaYehova Ihlabathi. Ndineminyaka emibini ndisenza inkqubo yezokholo, ndibe neminyaka emine ndisewayilesini,” kutsho uMthathi othi wakhuthazwa kukuva usasazo lukaLulu Haarmans noBlaq Maci.

UMthathi uthi unethemba lokufumana ithuba kuMhlobo Wenene ukuze naye abe ngumzekelo kwabanqwenela ukungena elusasazweni.