Ukhatshwe ngenkonzo yasekhusini uPrince!

Iintsalela zemvumi yaseMelika, uPrince , zitshisiwe. Oku kudizwe ngumpapashi wale mvumi yomculo wePop ngoMgqibelo.

UYvette Noel-Schure akazidizanga iinkcukacha zokuba le nkonzo iqhutyelwe phi, okanye xesha liphi na, kwaye iintsalela ezo zizakubekwa phi na. Inkonzo yabucala yesikhumbuzo sikaPrince ibibanjwe ngoMgqibelo ePaisley Park, eseChanhassen, eMinnesota, nalapho le mvumi ibihlala, kwaye ixelenga khona.

Ugxudululu lwabalandeli bakhe bebezalise ngaphandle kothango, bambi begaxele izinxibo ezisobo (purple), mbala lowo ubuthandwa yile mvumi.

Kwingxelo, uNoel-Schure uthe, Kwiiyure ezimbalwa ezidlulileyo, uPrince ubhiyozelwe liqelana labo bebemthanda. Usapho, izihlobo kunye neemvumi zakhe, kumsitho wabucala omhle bezokuthi ndlela-ntle.

“Iintsalela zikaPrince zitshisiwe, kwaye indawo yokugqibela yokuzigcina izakuhlala isekhusini. Sicela imithandazo yentuthuzelo ngakusapho nezalamane kweli xesha.“Unobangela wokubhubha kwakhe awukaziwa, kwaye kwakubanjalo ubuncinane bento engangeeveki ezine phambi kokuba sifumane iziphumo zoqhaqho lwesidumbu.”

UPrince Rogers Nelson, 57, usweleke ngoLwesine ePaisley Park ngezizathu ezingekaziwa. Uhlolo lwesidumbu lwenziwe ngoLwesihlanu eMidwest Medical Examiner’ s Office eRamsey, eMinnesota, kodwa ingayiveki phambi kokuba iziphumo ziqukunjelwe.

Abalandeli bakhe bashiye iintyatyambo, iibhaloni kunye namaphawu phambi kwale ndawo. Iintsapho nezihlobo zikaPrince, zikhuphe iibhokisi ezimfusa ezilishumi elinesihlanu eziqulethe izinto zikaPrince ezinjengeeCD, izikipa kunye neencwadi kubathandi bale mvumi abebegxalathelene apho ngoMgqibelo.

Iibhaloni kunye neentyatyambo nazo bezibekwe eFirst Avenue, kwindawo yolonwabo yaseMinneapolis, neyabayindawo ethandwayo emva kokuba uPrince wayisebenzisa kumboniso bhanya-bhanya iPurple Rain ngo1984. Iimvumi, noosaziwayo kunye nabanye, bakhuphe amazwi okugxwal’ emswaneni kususela ukubhubha kwale mvumi. ELondon, uMongameli waseMelika uBarack Obama ukhahlele kweli qhawe lomculo esithi, yena noogxa bakhe bebephulaphule uPurple Rain phambi kwentlanganiso nenkulumbuso yaseBritane ngoLwesihlanu.

AbakwaCarver Country Sheriff Jim Olson bathe, akukho mpawu zokungxwelerheka emzimbeni kaPrince ngethuba efunyanwa engaphefumli kwinqwanqwa elonyusa lisehlisa abantu (elevator) ePaisley Park.

Abeenkonzo ezingxamisekileyo bazamile ukumncedisa ukuphefumla (CPR), kodwa bohluleka, batshilo abasemagunyeni. Uye wachazwa njengongasekhoyo ngo10:07 kusasa.