Ukhona uphantsi kweenwele

kuPopayi

noSpinach

XA ubona uPopayi noSpinach kwimidlalo kamabonakude, kuzube ubona nje amadoda amabini ekungathi azithi dadobawo.

Sokuze ucinge nakanye ukuba kukho into ebhadlileyo ongayithetha nabo. La madoda aqale ukuzakhela udumo emdlalweni kamabonakude owawubizwa ngokuba Yizo Yizo, phambi kokuduma ngoPopayi noSpinach kwiZone 14.

La maqhula sele ezenzele igama nto leyo ithe yakhokelela ekubeni babizwe kwimisitho emikhulu efana neSABC Crown Gospel Music Awards.

Konke oku kwenze esi sibini sathiwa jize ngembasa yeBest Supporting Actor kumaSafta Awards kwiminyaka edlulileyo.

Sithetha nje uPopayi noSpinach badlala kumdlalo wamaqhula kaPastor Mjosty iKwaito Church Service, esele ifumaneka ngeDVD.

Ngethuba iphepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa lithetha noKere Nyawo, odlala indawo kaPopayi, kuvele ukuba uNyawo noPopayi ngabantu abahlukene kakhulu.

UNyawo sele evumbulule inqwaba yabadlali asele bedume nakumazwe angaphandle, lowo inguTerry Pheto wodumo kwiTsotsi, uNtokozo “Chester” Msibi, uRonnie Nyakale onguCosmo kwiGenerations The Legacy, uZakhele Msibi onguSunday Nkabinde kwiSibaya.

UNyawo uthe, uqale ukuzidibanisa nemidlalo yeqonga esafunda ezikolweni zaseSwazini apho waphumelela khona uGrade 12 e-Evelyn Berind High.

“Ndithe sendigqbile esikolweni ndineminyaka eyi-17 ndafuna ukuyokwenza izifundo zeB Com ngenxa yokuba ndandinolwazi olunzulu lweMaths, iScience ne-Accounting kodwa ngenxa yokuswela imali yokufunda ndagqiba sendisenza iDiploma kwiBusiness Studies ePhoneffecient Business Training Centre eGoli.”

Wasuka apho wayosebenza njengeDispatch Clerk e-Anglovaal Mining Limited phambi kokusebenza kwindawo eyayijongene nokuthengiswa kwezabelo.

“Noxa ndandisebenza kodwa ndandingayekanga ukunceda ulutsha lwaseSoweto. Yilo nto ndasungula iPhiri Drama Youth Club ngo-1982 endavumbulula khona isakhono semidlalo yeqonga ku-Eddie Mbalo noThami Plaatjie wePAC.

“Emva kokuphela kwePhiri Drama Youth Club ndasungula iPositive Art Society, ndisebenzisana noThulani “Spinach” Dindi. Kulapho savumbulula isakhono sabadlali beqonga abaninzi ngomdlalo owawusithi Hola Majitha.

UTerry Pheto noSma Mbatha osengumvelisi kuKhozi FM sabafumana ngomdlalo othi Devil’s Protest.”

Eqhuba uNyawo uthe, noxa nje ukudlala indawo kaPopayi kubavulele amathuba amaninzi, kodwa kuye kwabalimaza ngokuba bebengasaqashwa kuthiwa bazobulala imidlalo ngoba baziwa ngokuqhula. Ukwaveze ukuba abadlali nje kuphela kodwa kukho iphephandaba abuye asebenze kulo njengentatheli.