UKhozi FM lugalelekile ephondweni

OYENA nomathotholo unabalandeli abaninzi eMzantsi Afrika uKhozi FM uzakube useMpuma Koloni ukusukela ngomso ngeenjongo zokuzazisa ngokusesikweni kubaphulaphuli bawo beli phondo.

Sekulithutyana uKhozi FM lufikelela kweli phondo. Abaphathi nabalawuli besi sikhululo bagqibe kwelokuba basazise ngokusesikweni esi sikhululo sinabalandeli abangaphaya kwezigidi ezisixhenxe.

Enye yeenkqubo ezithandwayo kwesi sikhululo yiVuka Mzansi, engena phakathi kwecala lentsimbi yesithandathu (6:30am) ukuya kweyesithoba ukusuka ngoMvulo ukuya kuLwesihlanu. Abasasazi bale nkqubo nguZama Ngcobo (32) noSipho “Sgqemeza” Mbatha. Kule nkqubo ungafumana ezemfundo, ulwazi, ulonwabo nokunye okuninzi.

UNgcobo sele eliqaqambise kakhulu igama lakhe nangona esemncinane. Uqale ngokuba ngumsasazi wethutyana kumabonakude kuSABC1 kwiminyaka elishumi edlulileyo, sele ekhe wabanguye nomdlali kamabonakude uGenerations enguNambitha.

Ukanti ukwayingqonyela yenkampani eyeyakhe iPholoba Communications. UKanti asasaza naye nowaziwa kakhulu uDJ Sgqemeza okumashumi amathathu anesihlanu, waziwa kakhulu njengomnye wabasasazi abathe benza lathandwa uKhozi.

USgqemeza uneembasa ezimbini zilandelelana zeMTN Radio Awards ngo2012 nango2013 ngethuba esaqhuba inkqubo yasemva kwemini.

UDJ Sgqemeza akaziwa ekubeni ngumsasazi kuphela ukwanguye nomncedi kwabo bantwana bangathathi ntweni nathi abathengele iimpahla zesikolo ebanika nemali yesibonelelo yokufunda ebambisene namashishini amaninzi aKwaZulu.

Ukwangumsunguli nengqonyela yeCity 2 City Motivation Tour.