OYENA msasazi mncinci ngokweminyaka kubasasazi boMhlobo Wenene FM, uThembela Booi, ungene waphelela kwesi sikhululo njengomsasazi wenkqubo yeeKwayala.
UBooi, wakwilali yaKwaNtsinekana eNgqushwa, ungena endaweni kaBulelani Koyo osutywe kukufa kwinyanga yeKhala.
Waqala ukusasaza kwisikhululo sasekuhlaleni iNkqubela eGqeberha ngo2014 eminyaka nje eli-17 esenza uGrade 11.
Apho wenze iinkqubo eziliqela ezifana nebhrakfesi, iinkqubo zabantwana, ezolonwabo nezengxoxo.
“Ndiziva ndiwongekile ngokunikwa uxanduva lokuqhuba le nkqubo. Ndikhule ndinomdla wokusebenza nongasekhoyo uBK. Ndiza kuwuxhoma phezulu umgangatho womculo weekwayala, ndisebenzisana nabanolwazi kwiikwayala. Ndiza nezinto ezintsha enkqubeni,” kuthembisa uBooi, ofince iminyaka eyi25 ubudala ngomhla wokuqala kweyoMsintsi.
UBooi yinxalenye yoluhlu lwabasasazi abatsha ababhengezwe nguMhlobo Wenene kutshanje.
UKhanyisa Bunu oliqhula elaziwayo nokwangumdlali kamabonakude uza kuzimanya neqela leBEE. Uza kuhlekisa rhoqo ngoLwesihlanu ngemizuzu elishumi emva kwentsimbi yesixhenxe kusasa.
UMzwandile Ntshona, onguMfundisi wolutsha kwibandla iSeventh Day Adventist uqeshwe njengomsasazi weMiphanga. UNtshona bengumsasazi wesikhululo saseFlagstaff, iNkonjane FM.
Umhlobo Wenene ukwabhengeze ukuba uMfundis’ uKeketso Bloem weUnited Congregational Church uza kubhexesha Isandulela Senkonzo rhoqo ngeeCawe phakathi kwentsimbi yesibhozo neyesithoba kusasa.
Ukanti inkqubo yeMvuselelo ebhexeshwa nguNomonde Vakalisa iqeshe uGqr Bishop Jacob Freemantle ngeeCawe. UFreemantle waseWesile kwisithili saseRhini, ungena kwizihlangu zikaMfundis’ uFaleni osandul’ ukugxothwa sesi sikhululo.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’