Ukuqaqamba kwesakhono sikaYema sokusasaza

UMSASAZI omtsha wenkqubo yabantwana kwiSABC1, uLiyemaikhaya Vumisa, usenephupha lokusasaza kunomathotholo.

UVumisa, 21, ebencokolela I’solezwe lesiXhosa ngokungena kwakhe kumabonakude nokuqala kwakhe ukubanomdla kwezosasazo.

Eli tyendyana linkaba iKwaZakhele eGqeberha lisasaza iKids News kwiSABC1.

Uqale ukusasaza kwisikhululo sasekuhlaleni sikanomathotholo iUCR eMthatha ngo2016, apho wayesenza kwainkqubo yabantwana.

“Uyakwazi okothusayo yintoni? Ukuqala kwam ngqa kwezosasazo ndanikwa inkqubo yabantwana. Ndingena nje ngoku kumabonakude ndinikwa inkqubo yabantwana. Uyakubona oku kuzalana kwezi zinto?” kutsho uVumisa, okwabulela kuPamela Hlazo eUCR ngokumfaka kule nkqubo.

Akube ephumelele ingxoxompikiswano yesiXhosa, uVumisa wakhangela iqonga anokuthetha kulo ngcono olu lwimi lumnandi kangaka.

“Okokuqala, isiXhosa esisulungekileyo ndiyasithanda kwaye ndiqale ukubonisa umdla kuso emva kokuba utitshalakazi wam kwisikolo samabanga aphezulu wandifaka ngentloko kwisiXhosa Debate Club, ndavuma ke nam torhwana.

“Ndithe emva kokuphumelela amagqibela-kankqoyi wengxoxompikiswano yesiXhosa yephondo eyayibanjwe eBhisho, ndazibona ndakuwongwa njengesona sithethi sigqwesileyo ukuba hayi man, ukuthetha oku ndikuphathisiwe. Emva koko ndiye ndaqala ukukhangela indawo endinokusebenzisa oko kuthetha kwam, unomathotholo ube lelo qonga ke,” kubalisa uYema, nanjengoko bembiza njalo abamthandayo.

Uthi ukukhula ephulaphula unomathotholo kodwa nasekubeni nje wayengazi kuthethwa ngantoni ixesha elininzi, ngomnye unobangela owamenza afune ukusasaza.

“Jonga, ndandilala ndivulele unomathotholo ukuze angxole ecaleni kweendlebe ndibe ndimbeke kwiqhosha lokugqibela, phofu ibe inkwenkwe ivuka ngengomso isiya esikolweni.”

UVumisa uthi eSABC kulapho phantse wonke umsasazi osekwisikhululo sasekuhlaleni afuna ukuzibona esebenza khona.

Uthi ukuzithemba, ukuthobeka nokuyithanda into oyenzayo kungabeka ubani naphina apho afuna ukubakhona.

Uthi inkqubo ayenza eSABC1 eyenzela abo ikakhulu bakwiminyaka esi-8 ukuya kweli-16, iyamfundisa naye buqu.

“Kususela oko ndaqala ukusasaza inkqubo yabantwana, baye basondela kakhulu entliziyweni yam abantwana,” kutsho uVumisa.

Ebuzwa ngohlobo usuku lwakhe lumi ngayo emsebenzini.

“Ndiyafika emsebenzini, ndifumane amabali esiza kuwasebenzisa ngaloo mini ebhalwe ngesiNgesi, ndishwankathele lonke ibali libe yimigca emithathu ukuya kwemine ngesiXhosa. Kwanto ova ndiyithetha emoyeni ndizibhalele ngokwam. Ndiyibhala ndandule ndiyoyishicilela kulungiselelwa inkqubo yakusasa,” kubalisa lo msasazi.

Uthi kuba unomathotholo eyindawo ayithandayo naqale kuyo angathanda ukuzibona ekwisikhululo esisasaza ngesiXhosa.

“Elinye iphupha endinalo kukulandela igama lam ndilimise ikhaya lakwaVumisa,” ugqibezele ngelo.