Ukwindawo yokugutyula iziyobisi * -HHP

Imvumi yomculo weHip-Hop uHHP, kuvakala ukuba ungene kwiziko lokulwa nokusebenzisa iziyobisi (rehab facility) kule veki.

Ezi ndaba ziza kanye emva kokuba le mvumi idumileyo kuMzantsi Afrika nakwamanye amazwe ixelele uGareth Cliff kudliwano-ndlebe lukanomathotholo ukuba uzame ukuzibulala amatyeli amathathu kunyaka ophelileyo.

Kwikhasi lakhe leFacebook, uHHP uzakuba kweli ziko iintsuku ezilishumi kwinto ayibize njengoku ‘coca iipilisi zomvandedwa (anti-depressants) emzimbeni wakhe’ Ngokokutsho kwakhe, ukhangela uncedo ukuze abe uyilungele ikhonsathi esendleleni azokuyizimasa.

Le khonsathi yomnikelo, izakube ibanjwe ngomhla we-7 kuCanzibe, ngumcimbi wokuqokelela imali kaZoey Kubheka omncinane owafunyaniswa enesigulo se- dyskinetic cerebral palsy, kungoku nje udinga isixa semali ebalelwa kwi-R300 000 ukuze afumane unyango olubizwa i-stem-cell therapy.