ULaliboy uzinyang’ intliziyo ngomculo

IMVUMI yomculo wehip-hop, uMzwabantu “Laliboy” Kanzi uthe akushiywa yintombi yakhe ebiminyaka elishumi elinesibini ubudala, wakhangela indlela yokugcina igama layo lingalibaleki.

UKanzi, inzalelwane yaseQumanco eCofimvaba, utshintshe igama lenkampani yakhe iLali Records, wayibiza ngokuba yi-Inani Entertainment, eyibiza ngentombi yakhe uInani, ebhubhe ekuqaleni kwalo nyaka.

Ngethuba encokolela I’solezwe lesiXhosa ngengoma yakhe entsha ayikhuphileyo ethi Intliziyo, uKanzi uthi ukushiywa nguInani kumchaphazele ngamandla.

Uthi uInani bengumlandeli omkhulu womculo wakhe.

“Icwecwe lam lokuqala ngo2010 ndalibiza ngaye.

Ebengumntwana ongenantloni ukubalisa ngotata wakhe kwiitshomi zakhe imini yonke, aziculele iingoma zam kwaye abaqhayisele naxa endibone kumabonakude okanye endive kunomathotholo,” kutsho uKanzi.

Emva kweso sithwakumbe athi simphazamise kanobom njengemvumi, uLaliboy ubuya nengoma entsha ethi ‘Intliziyo’.

Kule ngoma usebenze noBonny, uDJ Soso noSakhumzi Mngomeni.

Uthi amaxesha amaninzi ucula ngothando kuba ukholelwa ukuba eli “lelona cala sisilela kulo singabantu.”

“Ndicinga yiyo nale nto kugcwele iGBV kuba uthando asilwazi, siluthatha kancinci, kanti ngothando singaya phambili,” kubalisa le mvumi eqale ngo2009 ukucula.

ULaliboy akayomvumi nje kuphela, kodwa ukwangusomashishini ozenzela iimpahla kwaye aphinde abe ngumzobi.

Inkampani yakhe yempahla uyibiza iSelfMadeSpoiltBrat, athi uyithiye olo hlobo kuba ebalisa ibali lakhe.

“Andikhulanga ndifumana yonke into endiyifunayo.

Ixesha elininzi bendisombulelwa iimpahla ezinamagama aduru ziitshomi, ekhaya bendithengelwa kwezi venkile zifikelelekayo.

Iimpahla ezinamagama bendiziphiwa ziitshomi kuba zisazi ndiyazithanda. Nabo bebendipha ezindala xa bethengelwa ezintsha ngabazali babo,” kubalisa uLaliboy.

Uthi xa ujonga iimpahla ebezenza ngo2016 uya kufumanisa ukuba zinemingxunya.

“ Bendibalisa indlela endikhule ngayo, ndikhule ndinxiba iimpahla ezikrazukileyo,” utshilo.

Kunyaka ophelileyo, uKanzi ukhuphe udidi olutsha lweempahla alubiza iUniversity of Life.

Ingoma yakhe entsha ifumaneka kwiivenkile zonxibelelwano lomnatha.

Xa unomdla kumculo nempahla yakhe, ungamkhangela nakumakhasi onxibelelwano.