ULee Duru uzibandakanya nonomathotholo weli phondo!

ULEE Duru nowaziwa kakhulu kwiqonga likanomathotholo nakumabonakude, uzibandakanya nesinye sesikhululo sephondo leMpuma Koloni. Ukuqala kwenyanga kaCanzibe/ Meyi, uDuru uzakube eyinxenye yenkqubo yeBhrakfesi, iDaron Mann Breakfast Show kwiAlgoa FM.

Le nzwakazi, neyaqala ngekhono layo lokusasaza kwisikhululo sikanomathotholo i-Ubuntu Radio eBhayi, kungoku nje waziwa njengomdlali wemiboniso, ilizwi kwiinkqubo zikamabonakude kunye nomenzi wemiboniso, ukhethe ukubuyela ekhaya eBhayi ukuze ancedise ekusasazeni iDaron Mann Breakfast Show.

UDuru unamava akhatshwa yimpumelelo kwimiboniso neqonga likamabonakude woMzantsi Afrika, esebenza kumajelo aliqela. Siyamazi ngendima yakhe kumdlalo kaLeon Schuster, uMama Jack ngo2005, iHome Affairs ngo2007 kunye neZambezia ngo2012. Wakhe wangumlawuli (director) womdlalo wamaqhula weSABC 2 iStokvel, ngokunjalo waze wasebenza njengomvelisi kwimidlalo yePenguin Films.

Akaphelelanga apho, uDuru usebenzele neenkampani ezifana neTransnet Port Terminals, Transnet SOC Ltd, iNMMU Business School kunye neGeneral Motors SA. ULee uthetha iilwimi ezifana nesiXhosa, isiNgesi kunye ne-Afrikaans.

Ephawula ngokungena kukaDuru kwesi sikhululo, uAlfie Jay olawula imisebenzi eAlgoa fm uthe: “Unezimvo, undwebile kwaye unamava afeleyo kwiqonga leendaba nakumashishini, loo nto imenza uLee akulungele ukuzibandakanya neli qela ngokunjalo nesikhululo se-Algoa FM.” Yena uDuru uthe: “Andikwazi kulinda ukubasemoyeni noDaron kunye noCharlton Tobias, iinkcubabuchopho zosasazo ezimbini endihleli nazo iinyanga ezimbini eStudio, ndifunda ngeentambo nokuba bangabantu abanjani.

Ngoku ndilinde ithuba lam lokongeza izwi lam kweli qela, kwaye ndinxulumane nabaphulaphuli beAlgoa,” utshilo uDuru.

“ULee ungene twatse kuthi ngokukhawuleza, kwaye sifuna ukubona ukuba sakubanjani xa sisobathathu emva komboko,” utshilo uMann. “Esiqiniseke ngako, iDMB ayiphindi ifane,” utshilo.