ULuckeez uphila iphupha lakhe embokweni!

ABAPHULAPHULI neempintshi zakhe bamazi njengoLuckeez- uMfowethu, gama elo walifumana ngethuba esekunomathotholo awayewuqale ngokwakhe iMonti fm.

ULucky Thembinkosi Matyholweni usincokolela ngeenzame awazenzayo ukuze afezekise iphupha lakhe lokusasaza.

UMatyholweni wazalelwa kwilokishi yaseThembisa, eRhawutini, waze wakhulela eDonqaba kunye naseMdantsane, nalapho ixesha elininzi ebehlala noninakhulu uMamCirha.

ULuckeez, nanjengoko esaziwa ngabaphulaphuli boMhlobo Wenene fm, nalapho asebenza khona nomdidiyeli wezandi zesikhululo, uthi kwasebuncinaneni bakhe, wayezazi apho abhalele khona.

“Unomathotholo yaba luthando lwam lokuqala ndiminyaka isibhozo kuphela, phakathi ko1987/ 1988. Ndandizazi ukuba ikhona le nto ikukusasaza apha kum ngaphakathi,” uvakalise oko.

Lo msasazi oqhuba inkqubo ethi ‘Umyezo weReggae’ kuMhlobo Wenene fm, ubalisele eli phephandaba ngokushiya izakhono eziliqela awayefakwa kuzo ngenxa yothando lwakhe lokusasaza.

“Oyena mntu endikhule ethanda unomathotholo ngumkhuluwa wam. Nguye owandenza ndazazi kakuhle ukuba yintoni le ingaphakathi kum.

“Umkhuluwa wam waya elubhacweni ngonyaka ka1995 ukuya ku1998, oku kwakhokelela ekubeni abazali bangafuni ndiyokufunda ngaphandle, ngoloyiko lokuba ndakufana nobhuti wam.”

UMatyholweni, akube ephumelele ibanga leMatriki ngonyaka ka1997, wenjenjeya uyokwenza izifundo zeMechanical Engeneering eBorder Technikon (Walter Sisulu University ngoku), kodwa zange agqibe nonyaka.

“Azange ndizonwabele ezo zifundo, ndathi ndisakufaka isigqoko entloko ndazibona ukuba ayindifanelanga le ndawo ndikuyo.”

Uthi zange alifumane nethuba lokungena kwisikhululo sikanomathotholo iCKI fm ngelo xesha.

Ngeli thuba, uMatyholweni waqonda kakuhle ukuba makavule unomathotholo waseMonti, ukuze aphilise isigulo sakhe sokuba sembokweni.

“Oko yaba kukuzalwa kweMonti fm ebutsheni beminyaka yoo-2000 nevelise abasasazi abafana no-Lulu Haarmans, Xolani Makwedini, Luckeez Matyholweni, Siyanda Fikelephi, Chriselda Lewis, Ayabulela Ngoqo nabanye abakwiindawo ezohlukeneyo,” utshilo uLuckeez.

Akube engene kuMhlobo Wenene fm ngoDisemba ka2005, uLuckeez wenze iinkqubo ezohlukeneyo nemisebenzi eliqela.

Wafika wenza inkqubo ethi Abahlali abangalali, emva koko yangu Jayva Mzansi, waphinda waqokelela iingoma ezidlala emoyeni (Music Compiler).

Xa engekho emoyeni, uMatyholweni usebenzisa elo xesha ukwenza imisebenzi yobuchule enjengokubhala, ukuvelisa kunye nokucinga.

Simbuza ngokuba ebengathanda ukusebenza ixesha elingakanani esemoyeni, uphendule wathi: “Kukho abantu abafuna imizuzwana emihlanu nje kuphela kunomathotholo, mna ndivuyela nelingakanani ixesha, lawo ngamazwi endawanikwa ngongasekhoyo uSaba Mbixane.

Ingaba ngowuphi owona mngeni kumsebenzi wakho? ULuckeez uthi, “Andifane ndilubone usapho lwam. Inkosikazi yam nabantwana bam ndibabona ngamaxesha athile,” utshilo.

UMatyholweni nongutata wabantwana ababini, ufunde kwizikolo ezohlukeneyo, kwilali yaseDonqaba, eBhofolo kunye naseMonti.

Akaphelelanga ekusasazeni, kodwa ukwayimvumi nomvelisi womculo.

Ngonyaka ka2008 ukhuphe icwecwe lakhe elithi “High Grade”.

Kutsha nje, ukhuphe ingoma engesehlo iBisho Massacre, kungoku nje umatasa-tasa esenza ingoma engegqala lomzabalazo, uSteve Biko.

Ungamfumana uLuckeez kwinkqubo yakhe ethi ‘Umyezo WeReggae’ kuMhlobo, rhoqo ngoMgqibelo ngentsimbi yesibini emva kwemini.

KuFacebook/ Twitter: