ULuckeez wosulelwe yikhorona!

Obambele njengoManejala kwiiNkqubo zoMhlobo Wenene FM uLuckeez Matyolweni

OBAMBELE njengoManejala weeNkqubo zoMhlobo Wenene FM, okwangumsasazi, uLucky “Luckeez” Matyolweni, ukwikhwarantini ekhayeni lakhe emva kokosuleleka yintsholongwane ikhorona.

UMatyolweni, okwangumvelisi weBEE kwesi sikhululo, uthi kunyanzeleke azithi gu bucala emva kokuzivavanya, zabuya iziphumo zisithi uchaphazelekile kule ntsholongwane.

Exelela I’solezwe, uthi oku ukwenze emva kokungasebenzi kakuhle kweempumlo zakhe.

“ Abanye inokuba baqaphele ukuba sele kulithuba ndingekho. Enyanisweni ndizivalele bucala emva kokubuya kweziphumo zam zisithi ndinekhorona kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo, emva kokuqaphela ukuba iimpumlo zam azisebenzi,” kubalisa uMatyolweni.

Lo msasazi ubulele inkxaso ayifumene kwizihlobo noogxa bakhe emsebenzini.

“ Kungumnqweno wam ukuba wonke umntu angafumana inkxaso endiyifumana kwizihlobo nosapho.

Wanga wonke umntu angaxhaswa, ancediswe, angajongwa ngokungathi uyintsholongwane yena siqu,” utshilo uMatyolweni.

UMatyolweni, okwavelisa nomculo, uthi oko ezivalele kwigumbi lomntwana wakhe ekhaya, ebukele imiboniso bhanyabhanya ngelixa esenza nomculo.

Urhalise abathandi bomculo wakhe ukuba ingoma yona sele iza kuphuma.

“Ingoma yeSundowns sele isemaphethelweni,” utshilo. Uthi ukhethe ukungabukeli okanye afunde kwanto eyoyamene nale ntsholongwane nanjengoko esoyikisela ukuba oko kumgulise nangakumbi.

“Hayi ke andisayithethi eyemifuno nemihlonyane, ndivuka ngazo, ndifutha ngazo, ndishota ngokulumela ngazo,” kutsho lo msasazi.

Uthi uphilile kwaye uqinisekile ukuba uza kuyoyisa le ntsholongwane.

“Ngamafutshane akukho nto ndinayo bethuna, ndiza kuyoyisa le nto, ndingqongwe ngamajoni nabantu abathandazayo. Ndikholelwa ukuba ndilijoni. Nawe nosapho lwakho niza kuyoyisa,” ugqibezele watsho uMatyolweni.

Abasasazi beBhrakfesi Eyondlayo Ekuseni (BEE) kunyanzeleke basebenzele emakhayeni abo kwezi ntsuku.