ULuks uzityand’ igila ngokusebenza noK.Ci

UMSASAZI woMhlobo Wenene FM, uLuks Gidane, uthethe phandle okokuqala ngokubhidlika kobudlelwane bokusebenza phakathi kwakhe noK. Ci August.

Ethetha kwinkqubo entsha eshicilelwa kwiYouTube kaDJ Pastor Nozewu ethi Zooming Into Radio, uGidane ubalise inzima noxinzelelo awaba phantsi kwalo ngethuba esenza uMasigoduke woMhlobo Wenene noAugust.

Lo msasazi ophumelele iimbasa eziliqela kunomathotholo uthi akukho nto yayinzima kuye njengokusebenza nomntu owayengambulisi.

“Okwakungandonwabisi kakhulu phaya ndandiqala ukubakwimeko yokungabulisani nomntu,” utshilo.

“Inokuba into engangonyaka okanye iminyaka emibini ndibulisa, engandibulisi. Kwade kwabuzwa ngabanye oogxa bam ukuba ngumntu endikhathalele ukumbulisa ngantoni lo,” kubalisa uDJ Luks kolu dliwanondlebe lushicilelweyo.

Uqhube wathi nguAugust owayenengxaki naye.

“Yayinguye owayengafuni kuthetha nam, mna ndandincokola naye,” ubalisa atsho.

UDJ Luks uthi iingxaki zaqala emva kokuba abaphathi boMhlobo Wenene bamthumela eRhawutini ukuba ayokuncedisa kwinkqubo kaAugust “eyayingenamkhombandlela.”

“Abaphathi beza kum bathi inkqubo ayinamkhombandlela. Umsebenzi endawunikwayo kukuza nenkqubo enomxholo nesiseko,” kutsho uDJ Luks, esithi oku kwaqala kwadala umsantsa phakathi kwakhe nalo msasazi osele wawushiya Umhlobo Wenene.

“Ndicinga ukuba okwaphazamisa uK.Ci kukumxelela phandle ngendikufunayo. Mhlawumbi wacinga ukuba ndize kumlawula okanye ndizokumsusa [enkqubeni yakhe],” kutsho uLuks ebalisela uDJ Pastor.

ULuks ukholelwa ukuba ukudityaniswa kwakhe noAugust kwakuyinto entle ekwakufanele ukuba yawusebenzela Umhlobo Wenene.

“Kwakufuneka ndize nemixholo enolwazi enkqubeni nanjengoko yena uK.Ci engumntu owonwabisayo noliqhula, ukudibanisa nje oko kukhupha eyona nkqubo yakhe yamnandi. Sasiza kubanenkqubo ehamba phambili eMzantsi Afrika noK.Ci,” kutsho uDJ Luks.

Ukwathi ingxaki iqalwa kukuzigwagwisa ebantwini.

“Siyaphakama kakhulu [singabasasazi] bakanomathotholo. Umntu kwakuthiwa ngumsasazi okhaphayo enkqubeni (co-host) uye acinge wehliselwe. Ayikokwehliselwa oko, kodwa kukusebenza ngokubambisana,” kucacisa uDJ Luks.

Ebuzwa ukuba yintoni eyamenza washiya Umhlobo Wenene FM wayokusebenza eTruFM.

UDJ Luks uthi esi sigqibo wasithabatha emva kokuba abaphathi eRhawutini bagqiba ekubeni asuswe emoyeni ukuze ayokuqulunqa uSJL owayesenziwa nguAmaza Ntshanga noNonala Tose.

“Ndakhetha ukulahla ndingagxothwanga. Kum yayisisithuko esi kuba wonke umntu wayefuna umoya wayesemoyeni, esenza into ayithandayo, kodwa mna kwathiwa mandingathethi, oku zange kundonwabise.’’

Kwakule ncoko, uDJ Pastor ubuze lo msasazi ngezityholo zodlwengulo ebekhe watyatyekwa zona kwiminyaka egqithileyo.

“Yayizizityholo nje zokungcolisa igama lam, ekwafuneka ndihlalise phantsi abantwana bam ndibaxelele ngazo,” kutsho lo tata wabantwana abane.

UDJ Pastor ukwabuze kuLuks ukuba angathanda ukusebenza nabani xa enokwenza iAfternoon Drive, lo msasazi kaSijikilanga uphendule wathi angathanda ukusebenza kwakhona noPhethu Soga ebekade esebenza naye eTruFM.

ULuks noDJ Pastor bebencokola kwisiqendu sokuqala seZooming Into Radio ekulindeleke isasazwe rhoqo ngoLwezihlanu – nebeka iliso kwabo bazenzele igama kunomathotholo.