UMPONDOZIHLANJIWE ophum’ izandla, umsasazi okrelekrele kwaneyolisa ebelinoburharha, ezi zezinye zeendlela zokuchaza umsasazi woMhlobo Wenene FM obhubhileyo uLungiswa “Lulu” Haarmans.
Kususela oko kuvakele isithonga sokulala kukaHaarmans, abaphathi bakanomathotholo, oogxa bakhe kuquka nabaphulaphuli bathethe ngendlela usasazo olulahlekelwe ngayo ngokunduluka kukaHaarmans.
UHaarmans, 41, ubhubhe ngorhatya ngoLwesine ophelileyo kwisibhedlele sakokwabo eMakhanda, emva kweeveki ezimbalwa zokugula.
Ebhubha nje beza kuqala ukusebenza njengomsasazi kanomathotholo omtsha, Ilizwi FM.
UMamCirha, nobebizwa njalo ngabaphulaphuli beenkqubo zakhe, wazibandakanya noMhlobo Wenene ngo2003 nalapho azibalule kwinkqubo yangentlazana phakathi evekini uKhanya Gqiyazana kuquka neenkqubondaba zoMhlobo Wenene FM.
UMdidiyeli weeNkqubondaba nobengumhlobo kaHaarmans, uZimkhitha Jikwana, utyibele uHaarmans njengobekrelekrele, enetalente kwaye enothando.
“ULulu ndiqale ukumazi ngo2006 ndifika eSABC, ndisezindabeni yena engumsasazi ophum’ izandla. Ubuhlobo bethu baqala kancinci ngokusuke ndibe siStudio Producer, ndiprodyusela uKumkani uPatrick Dalindyebo. Kwenzekile ke weza apha ezindabeni, wafika ndingekho, xa ndibuya ekhefini, wathi uSir Fez Mpunzi uza kusebenzisana nam. Kwafika umntu othobekileyo, onobubele, okrelekrele nowayezimisele ukufunda umsebenz” kubalisa uJikwana.
“Sasizitshomi ezinkulu ke ngelo xesha, sagqiba kwelokuba ndiza kuba nguMphathi wakhe ukusuka ngo-03:30 -11:30 kusasa, ze sibe ziitshomi emva komsebenzi,” kutsho uJikwana.
UHaarmans uphulukene nomsebenzi wakhe emva kokugxothwa sesi sikhululo “ngokophula imiqathango yengqesho” ngeyoMsintsi ngo2019.
“Siyazenza iimpazamo sonke, kodwa bekunga singafunda kuzo. UHayi akabulali. Ndiza kumkhumbula ngothando lwakhe kumntu wonke uLulu. Ubukrelekrele bakhe, italente nothando lwakhe lwewayilese,” kutsho uJikwana.
Omnye woogxa bakaHaarmans obekwangumhlobo wakhe, uMafa Bavuma, uthi uLulu bengunomathotholo ubuqu kwaye iwayilese eyenza lula.
“Ndifunxile kulo mbele ubhongxileyo kwezosasazo. Silahlekelwe,” kutsho uBavuma.
UHaarmans ngumama kubantwana ababini, uIviwe noInga.
Uza kubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela eMakhanda ngoMgqibelo we21 kweyoMqungu. Inkonzo yakhe yesikhumbuzo iza kubanjwa namhlanje (uLwesine) e1820 Settlers Monument kwaseMakhanda.
Phumla ke Nojaholo! Sakuhlala sikukhumbula ngelo lizwi limyoli.
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8