UMaake kaNcube uzakutshila kumdlalo weqonga eRhini

Igqala kwimidlalo yeqonga kunye nomvelisi oveleleyo nangokuphumelela iimbasa, uSello Maake kaNcube ubuyela eqongeni eyokudlala kumdlalo uThe House of Truth.

Lo mdlalo weqonga ubalisa ngobomi bukaCan Themba, ubhalwe lusiba lombhali owaziwayo uSiphiwo Mahala. UMahala, nowazalwa waze wakhulela kwisixeko saseRhini kwiMpuma Koloni, sele ebhale iincwadi eziliqela.

UMahala ubhale iincwadi ezifana noAfrican Delights, When a Man Cries (ncwadi leyo eyamenza wafumana iwonga iErnst van Heerden Creative Writing).

Le ncwadi yaye yaguqulelwa kulwimi lwesiXhosa ngo-2010, yabizwa ‘Yakhal’ Indoda’. UMahala wenza izifundo zeelwimi kwiYunivesithi yaseFort Hare phambi kokwenza isidanga seMA kwiAfrican Literature kwiYunivesithi yaseWits.

Umdlalo weqonga iThe House of Truth ngumsebenzi wakhe wokuqala ololu hlobo. I’solezwe lesiXhosa lincokole noMahala, nalapho adize ukuba ebengakulindelanga ukudlala kukaMaake kaNcube kumdlalo wakhe.

“Ndandiye kuSello ngeliyokufuna iingcebiso nanjengomthandi kaCan Themba, kodwa waveza ukuba angathabatha inxaxheba kulo mdlalo weqonga.” “Ndiyayithanda imisebenzi kaCan, kwaye nembali yakhe ndiyayilandela,” utshilo uMahala. Uthi ulwenzile uphando ngoCan Themba phambi kokuba aqale nokuthabatha usiba lwakhe kunyaka ophelileyo.

“UCan Themba waveza amabali amaninzi angaziwayo. Yindoda eyayikhuthaza, eyaphumelela isiNgesi ngezinga leDistinction ngeminyaka enzima yoo-1940. Ndaya kooNadine Gordimer nooMbulelo Mzamane ndizama ukuphanda, ndidlana nabo iindlebe nanjengabantu ababesondele kuCan Themba,” utshilo.

I-The House of Truth ibalisa ngemisebenzi kaThemba nangezinye izinto ezingqamene nobomi bakhe ekungazange kubaliswe ngazo.

Phakathi kwezinto ezibaliswa kulo mdlalo, ziingxingongo awazibona ephakathi kwazo uThemba eziquka, iingxaki nesebe lezemfundo laseTransvaal, elalingamqapheli njengomfundisi-ntsapho uCan Themba, nangona wayenesidanga awasenza kwiYunivesithi yaseFort Hare. Kuquka nokusebenza njengentatheli nesekela mhleli leDrum Magazine.

Lo mdlalo uzakube uboniswa kumnyhadala walo nyaka wezobugcisa iGrahamstown Arts Festival ukususela ngomhla we-30 kweyeSilimela/Juni ukuya kowe-3 kweyeKhala/Julayi 2016.