UMaBronqo koomabonakude

bethu kwakhona!

BANGAPHI apha kuni abebezikhumbulela ubuso bukaMaBhronqo, uBrenda Ngxoli koomabonakude bethu?

UNgxoli, nonkaba yakhe ekwidolophana yaseTsomo, sele enentaphane yeembasa ngemisebenzi yakhe egqamileyo kwiqonga lolonwabo.

Sigqibele ukumbona kuRockville kwiMzansi Magic, kwaye kungoku nje sele ekulungele ukuphinda enze ezo adume ngazo!

UMaBronqo, uzakube edlala kumdlalo we-e.tv iHustle, nalapho azakube edlala indima kaKit Kambule.

Ukhe wafakan’umlomo nolind’ixesha iBona ngendima yakhe: “Ingoma enokumcacisa ngcono ngethi I’m Every Woman kuba uyimvumi kwaye isekelezelwe kwiimvumi ezininzi esizaziyo.Umele onke amakhosikazi akwezolonwabo, imingeni, impumelelo nako konke ajamelene nako.”

UNgxoli ukucacisile ukuba akazami kuthabatha ikhono lokucula, kodwa udlala nje indima yomculo. Udlale indima kaVuyo kumdlalo kaSABC 1 iHome Affairs, uDineo kwiMy Perfect Family, Molo Fish 2, Interrogation Room, Tsha Tsha neminye. Ukwabhexeshe iinkqubo ezifana ne-Real Goboza kunye ne-Our Perfect Wedding.

UNgxoli waphumelela isidanga se-BA Theatre and Perfomance in Speech and Drama kwiYunivesithi yaseKapa ngonyaka ka2000.

Qiniseka ngolonwabo ke mlesi, ingakumbi kumdlalo onale nzwakazi yephondo leMpuma Koloni.