UMafa uwubeka phantsi umboko weendaba

EMVA kweminyaka
elishumi yokusasaza iindaba kuMhlobo Wenene FM, ngoku lifikile ixesha lokuba
uMafa Bavuma azibeke phantsi kulo msebenzi.

Kulindeleke ukuba
uMafa  avalelise kwicandelo leendaba
neenkqubondaba zesi sikhululo ekupheleni kwale nyanga kaCanzibe 2019.

Encokolela I’solezwe
lesiXhosa ngokuthabatha kwakhe  esi
sigqibo, uBavuma uthi khange kube lula.

“Bekunzima
kakhulu. Kudala ndiman’ ukuyicinga ngamaxesha athile, kungekho lula ukudibanisa
 ezi nkqubo zombini kule minyaka
idlulileyo,” kuncokola uMafa.

Ukuqala ngenyanga
yeSilimela, uMafa uza kube engene waphelela kwinkqubo yeBhrakfesi yoMhlobo
Wenene FM iBEE.

“Ndiyintatheli
ngokwemfundo kwaye ndibotshelelwa yimiqathango yobuntatheli. Ngenxa yokusebenza
kwiBEE, bekubakho eminye imisebenzi bendiyenza bucala, bekungekho lula ngenxa
yemigaqo  eza nomsebenzi wam
wasezindabeni,” kutsho uMafa.

Uthi ukushiya
kwakhe kwicandelo leendaba kuza kumenza azibandakanye neeprojekthi eziliqela
ngaphandle komsebenzi wakhe wakunomathotholo.

“UkubakwiBEE kuza
kundinika ixesha eloneleyo ukuba  ndenze
le misebenzi.”

“Ndithabathe
umngcipheko, ndishiya umsebenzi wam osisigxina, kodwa ndiyacinga ukuba ubani
kufanele abe nobugokra ukuze afezekise amaphupha akhe,” utshilo.

UMafa uhambisa
athi ube nethamsanqa lokuqeqeshwa ngoomakhwekhwetha bezeendaba.

Uthi amagqala afana
noFikile Lubisi, uFezile Mpunzi, uPatrick Dalindyebo, uMzukisi Solani kwakunye
nabangasekhoyo uLindani Bekwa, uJoe Lofafa, uThami Dickson noThobile Madlakane –
bebengamkhokeli bekwambonisa indlela nje kuphela, kodwa bebengootata kuye.

“Baye bangootata
emsebenzini. Bebendikhuthaza xa ndisenza kakuhle, bandinqwanqwade ndakuphazama,”
kubalisa uMafa.

Lo msasazi, 37,
osandul’ ukubhiyozela usuku lwakhe lokuzalwa ngoSuku lweNkululeko, uthi wafikela
kwigumbi leendaba eligcwele oomakad’ enetha kwicandelo leendaba.

“Ndaye ndanikwa
amathuba, ndangena ndingumdidiyeli kodwa isakhono sam sokusasaza saye sabhaqwa
kwela gumbi leendaba.”

Uthi okuhle
angasayi kulibala ngethuba engumbhexeshi weendaba kukunikwa ithuba lokuzimasa
iAnnual General Assembly yeUN eNew York ngo2014, ukuthunyelwa kudliwanondlebe
noMongameli Cyril Ramaphosa eRhawutini phambi kokuba abe ngumongameli,
ngokunjalo nokubhexesha inkqubo engobomi bukaNelson Mandela ngethuba lokubhubha
kwakhe, ekunye noPatrick Dalindyebo.

UMafa uthi noxa
nje  kuninzi okuhle anokubala
ngokusebenza kwicandelo leendaba, ukusweleka kukaMfu. Joe Lofafa, uLindani
Bekwa, uThobile Madlakane noMzukisi Somi, kokona kwamophula umoya.

“Bonke badlala indima
kwisakhono sam sezosasazo,” kutsho uMafa. 
Ngoku abaphulaphuli
 bangadibana noMafa kwiBEE, rhoqo ngoMvulo
ukuya ngoLwesihlanu ngecala emva kweyesithandathu ukuya kwintsimbi yesithoba
kusasa.

 simphiwe.freddie@inl.co.za