UManqele uthothoza eziseleni ngokubulala imvumi uFlabba

UJaji Solly Sithole umalele umbulali owagwetywayo uSindisiwe Manqele isicelo sokubhena.

UManqele, 26, nowafunyanwa enetyala ekubulaleni isinqandamathe sakhe esiyimvumi yeHip Hop uNkululeko “Flabba” Habedi, 37, kwikhaya lakhe elise-Alexandra ngeyoMsintsi ka2015, waze wagwetywa iminyaka elishumi elinesibini eqamele ngenqindi emjiva, ufake isicelo sokubhena ngakwisigwebo netyala awabekwa lona.

Noxa kunjalo, inkundla ephakamileyo echophe ePalm Ridge Magistrate’ s Court, isikhabe ngawo omane isicelo sakhe.

“Emva kokucingisisa nokuqwalasela ubungqina obabuphakanyiswe kweli tyala, ndifike kwisigqibo sokuba, isicelo sakho siyakhatywa kwaye akukho nkundla inokufumana sigwebo esohlukileyo,” utshilo uSithole.

UManqele wabanga ngelithi ebezikhusela ngethuba ehlaba uHabedi esifubeni emva kokuba esi sibini silwile, kodwa noxa kunjalo inkundla yathi ugabadele xa ezikhusela, yaze yamfumanisa enetyala.

Efaka isicelo sokubhena, igqwetha likaManqele, uNorman Makhubela ulwe ngelithi, inkundla yagqwidiza ngethuba ifumanisa ukuba uManqele ugabadele ekuzikhuseleni, ngoko ubulele ngenjongo.

UMakhubela uthe uManqele wayengazi ukuba wophula umthetho ngethuba ehlaba emosela uHabedi, kwaye ngelo hlobo yayindlela yokubaleka kuHabedi owayemhlasela.

UMakhubela uphinde waveza okokuba, inkundla yabubaxa ubuzaza bolwaphulo-mthetho bukaManqele ngethuba iwisa isigwebo, isithi kufanele anqandwe ekwenzeni oku kwabo ayakuthi athandane nabo kwixesha elizayo.

“Ezi ziphumo ziyothusa…abukho ubungqina bokuba wakhe wabandakanyeka kwizixholo-xholo kwixesha elidlulileyo.”

Wongeze ngelithi, umntu okwaziyo ukucinga angasifumanisa njengesothusayo isigwebo awasinikwayo uManqele.

Kodwa umtshutshisi uPaul Schutte uthe, inkundla zange iphazame ngethuba igweba uManqele, kwaye isigwebo awasinikwayo sasifanelekile.

UHabedi wayedume njengelungu leqela le-Rap iSkwatta Camp.

simphiwe.freddie@inl.co.za