UMawande uzimisele ukuphumelela * -Mr SA!

UNGATHI uphela unyaka ka2016, ibe idolophana yaseKaladokhwe izingca ngoMr South Africa onkaba ilele kwenye yeelokishi zayo.

UMawande Qeqe, 31, ngomnye wamagatyana angenele kukhuphiswano lalo nyaka likaMr South Africa elizakusingathwa ngenyanga kaNovemba.

UQeqe, nophuma kwilokishi yaseLingelihle eKaladokhwe, walandela izifundo ze-Internal Auditing kwiYunivesithi yaseWalter Sisulu kwikhampasi yakuKomani.

Uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba, kanye ngethuba esesesikolweni samabanga aphakamileyo iMatthew Goniwe, wayethe gqolo ukubonakalisa umdla wokungenela amakhuphiswano wobuhle.

“Kwakwisikolo samabanga aphantsi naphakamileyo, ndandisele ndiqalile ukungenela kwaye ndiwaphumelela amakhuphiswano woobuhle,” utsho.

UQeqe uthi ukubona umama wakhe emnika inkxaso xa engenela kwamnika inkuthazo.

“Umama wayendikhuthaza ngokuzimasa zonke iinkqubo zoobuhle endandingenela kuzo.”

Ngo2009, uQeqe uthi wabona ukuba uyazenza zonke izinto kodwa ikhona le nto angekayenzi waze wagqiba kwelokungena kwiXtreme yaseBhayi, neqeqesha abo bafuna ukwenza lo msebenzi.

UQeqe sele ephumelele uMr Eastern Cape Technicon 2003, waphinda wabamba indawo yeSecond Prince kuMr Walter Sisulu University. Uthi akukho nto ingako ayenzayo ukuzigcina ebukeka.

“Ndiyazilolonga nje kuphela, andisebenzisi nto ethile yobuso okanye yolusu, ndiyabuhlamba ndize ndisebenzise iCamphor Cream,” utsho.

UQeqe uthi ungumntu ozolileyo noneentloni, kodwa uthi konke oko kuhamba nobubele ngakumntu wonke.

Uvakalise ukuba ukungenela ukhuphiswano luka-Mr South Africa behleli eyinto ayicingayo.

“Yona biyinto ebendihleli ndiyicinga kodwa ndingekayilungeli. IKaladokhwe yidolophana encinane, kuyafuneka nayo ikhe igqanyiswe ngento ethile,’’ utshilo.

Usibalisela ngohlobo athathe inxaxheba ngalo kolu khuphiswano.

“Ndangena kwiWebsite yabo, ndagcwalisa ifomu ekhoyo apho, ndathumela imifanekiso yam – bandikhetha.”

Ngoku, uQeqe uhleli kuluhlu lwaba ngamashumi amabini anesihlanu (Top 25). Eli nani liyancitshiswa, kwaye kufuneka kushiyeke ishumi elinesibini kuphela xa kufikwa kwinyanga kaNovemba.

Le nzwana ithi izithembile izakube ikwelo luhlu luzakumela eli phondo. Xa ufuna ukuvotela uMawande Qeqe, bhala umyalezo weSMS uthi: MRSA 008 uze uthumele kwinombolo engu- 47 439. I-SMS ixabisa iR3.00 kuphela, ungavota kangangoko unako.

UMawande ukwacebise ulutsha ngelithi maluphakame lusebenzise italente elicinga ukuba lunayo.

“Uninzi lwethu bantu abatsha asikholelwa kumandla netalente esinayo, sisuke sifune ukwenzelwa. Kodwa loo nto ucinga ukuba unayo mayikhatshwe yimfundo,” ucebise watsho.

Kungoku nje uQeqe umaxhaphetshu esenza imisebenzi yesisa eyohlukeneyo.

Masimvotele kangangoko uQeqe. Simnqwenela konke okuhle!