Umcimbi oza kubeka iSeymour emephini

PHAYA kufutshane nedolophu yaseBhofolo, kukho ilokishi encinane ebizwa ngokuba yiSeymour. Apha akukho ndawo yolonwabo ngexesha lokuphela konyaka, kwaye nabatsha bale ndawo abanasizathu sibenza baziqhenye ngendawo yabo.

Ezi zezinye zezinto ezenze uAviwe Gqomfa ahlale phantsi, acinge icebo lokuqala indibano eza kubanjwa nyaka nonyaka kule lokishi, waze wayipha igama lokuba yiSeymour Summer Reunion.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa, uGqomfa, okwayinzalelwane yaseSeymour, uthi kudala enephupha lokwenza isiganeko esiza kuphakamisa indawo yaseSeymour ukuze nolutsha lwale ndawo lukhuthazeke.

UGqomfa, ofunde eJeanet Mahonga Primary naseThobelani High eSeymour, uthi eli iza kuba lithuba lokuhlangana nabo sele bephumelele ebomini, nababefunda kwezi zikolo zale lokishi ukuze bakhuthaze abanye.

“Abanye sele bephangela ngelixa abanye ingabanikazi bamashishini. Baza kukhwela eqongeni ukuze sikhuthazane eSeymour,” kuthetha uGqomfa.

UGqomfa udume njengoMququzeleli weMicimbi yoLonwabo. UkwayiManejala kaBetusile Mcinga kwaye ekwangomnye wabanini benkampani yezolonwabo iNduna Events Management.

“Abantu abaninzi abayazi ukuba sisuka eSeymour, bacinga sisuka eBhofolo. Abayazi nam ndisuka phi, bahlala besithi ndingowaseMthatha kanti ndingowaseSeymour,” kubalisa uGqomfa.

ISeymour iphantsi koMasipala iRaymond Mhlaba.

UGqomfa udize ukuba iSeymour Parliamentary Constituency Office ejongene nophuhliso lolutsha, ithembise ngokuncedisa kwesi siganeko.

UGqomfa uphinde waxela ukuba imali eza kwenziwa kulo msitho iya kuthi ithengele abantwana abafunda eSeymour iipere zezihlangu zesikolo ezingamashumi amahlanu (50).

“Ndiyayazi imeko yaseSeymour, nam ndandifunda phaya. Ezi zihlangu zakunceda abantwana xa kuvulwa izikolo ekuqaleni konyaka,” kutsho uGqomfa, ekwabongoza abantu ukuba bafake isandla ukuze bancede iintsapho ezidingayo.

“Sicelela uncedo iintsapho ezisokolayo. Siza kuncediswa nguCeba weWadi neenkokheli zasekuhlaleni ukolatha loo mizi idinga uncedo. Nokuba luncedo lweepasile zokutya lwamkelekile.”

Lo mcimbi kulindeleke ubanjwe ngomhla wama24 kweyoMnga eJeanet Mahonga Sports Ground. Eqongeni kulindeleke uBetusile Mcinga, uMaster Dee, T-Man, Ubiza Wethu nabanye.

Abafuna ukufaka isandla okanye ukuthenga amatikiti bangatsalela uAviwe kwinombolo yomnxeba engu: 0767865514 okanye bambhalele kuFacebook: Aviwe Avee Gqomfa, iemail: aveeconnection@gmail.com