Umdyarho woosaziwayo kwiBerlin November!

Inyanga kaNovemba eMonti, yinyanga apho uluntu luthi lonwabele umdyarho wamahashe obizwa iBerlin November, nokwizinga eliphezulu, kwaye sele ukunyaka weshumi elinanye uqhuba.

Kulo unyaka, izakuba ngunyaka onomahluko kulo mdyarho, nalapho oosaziwayo baseMpuma Koloni namaqela abo beza kukhuphisana kulo mdyarho wamahashe.

Lo mdyarho uza kuqhuba njengesiqhelo, ze emva komdyarho wamahashe lowo waminyaka le, oosaziwayo namaqela abo bakhuphisane ukuvala lo msitho, ngethemba lokuphumelela.

Basibhozo oosaziwayo abaza kuba yinxalenye yalo mdyarho, abasetyhini abane kunye namadoda amane. Aba saziwayo baquka uBetusile Mcinga, uLive Mabeqa, uNhunhuza, uMafa Bavuma, uLindo Mtangayi, uMntwan’omgquba, uYolanda Mbolompo, kunye noZiyanda Tshangana.

Umququzeleli walo mdyarho uJudy Ngoloyi, uthe lo mdyarho woosaziwayo (Celebrity Race), injongo yawo kukusondeza umdyarho wamahashe kuluntu, kwanendlela yokubhiyozela inkcubeko etyebileyo ngelixa kuziswa ulonwabo olungasayi kulibaleka.

“Lo msitho unomtsalane kuza kuvalwa ngawo umsitho weBerlin November, kwaye simema wonke umntu ukuza kuzibonela xa oosaziwayo abasibhozo bephondo leMpuma Koloni namaqela abo bekhuphisana kwisicoco sobuntshatsheli,” utshilo uNgoloyi.

Kulo msitho, usaziwayo ngamnye uza kuba neqela lakhe eliquka ihashe, umnini walo, kunye nedyoki eqeqeshiweyo. Eli nyathelo nelilelokuqala lilungiselelwe ukwenyusa izinga lolonwabo kwiBerlin November, ukuba ngudabamlonyeni kuluntu, kwanokutsala uluntu kwilizwe liphela loMzantsi Afrika.

Ukanti ukubandakanywa kwaba saziwayo ikwayindlela yokutsala umdla omkhulu woluntu kulo msitho, nanjengoko aba saziwayo bequka iimvumi, abalingisi, kwakunye nee-influencers ezinabalandeli abaninzi kumakhasi onxibelelwano.

Oosaziwayo namaqela abo:

1. Betusile Mcinga

• Ihashe: Maxhob’ayakhawuleza

• Umqeqeshi: Lopez Magongo (Purple)

2. Live Mabeqe

• Ihashe: Gqibintetho

• Umqeqeshi: Mathiso Gqibintetho (Pink)

3. Nhunhuza

• Ihashe: Nhuza

• Umqeqeshi: Camagu Kanana (Blue)

4. Mafa Bavuma

• Ihashe: [lakuphinde laziswe]

• Umqeqeshi: Mzuphela Godi (Lime)

5. Lindo Mtangayi

• Ihashe: Sirayeli

• Umqeqeshi: Gibson George (Orange)

6. Mntwan’omgquba

• Ihashe: Masigoduke

• Umqeqeshi: Xolani Matiwane (Yellow)

7. Yolanda Mbolompo

• Ihashe: [Lakuphinde laziswe]

• Umqeqeshi: Saphumla Fiyo (Red)

8. Ziyanda Tshangana

• Ihashe: Velabahleke

• Umqeqeshi: Amanda Peter (Green)

Lo mdyarho wamaqela oosaziwayo nguwo oza kuvala lo msitho weBerlin November, nalapho kulindeleke ukuba amahashe abaleke isithuba esingeside, kodwa etakisa iintlantsi.

Ukuba useMonti kwimpelaveki yomdyarho wamahashe iBerlin November, ngomhla we30 kuNovemba, ungaphoswa lulonwabo apho oosaziwayo namaqela abo beza kulwela isicoco sokuqala sobuntshatsheli kulo mdyarho.

Umbuzo omkhulu ngowokuba kazi esi sicoco sakulala kulo bani na?

Ziyanda Tshangana

Nhunhuza

Mafa Bavuma

Mntwan’omgquba

Betusile Mcinga

Lindo Mtangayi

Yolanda Mbolompo

Live Mabeqe