UMenzi kwindima yakhe entsha kwiSibaya!

NANJENGOKO sasele sikubhengezile ukuba , kukho uluhlu olutsha lwabadlali abatsha abagaleleka kumdlalo iSibaya, ngoku singakungqina ngokwenene ukuba uMenzi Ngubane uphakathi kolo luhlu lutsha.

UNgubane uzakudlala indima kaJudas Ngwenya, ongumphathi owoyikwayo nokhohlakeleyo weeteksi nosuka kwaMashu.

UJudas sisigwili kwaye unamandla, kunjalonje usebenze nzima ukuze afikelele kwindawo akuyo ngoku. Wazakhela ishishini lakhe engenanto esandleni, kwaye kungoku nje uzakhela imanyano noSamson Ndlovu.

Ugwayimbo olubi lweeteksi luzakukhokelela uSamson ukuba ayokufuna uncedo kuJudas, nto leyo izakudala ingxushu-ngxushu nabakwa- Zungu.

UJudas ugaleleka nenkosikazi yakhe enomtsalane Kunene, uBeauty Ngwenya, odlalwa nguThuli Thabethe (owaziwa kwimidlalo efana noCity Ses’la, iNkaba, The Mayor). Yintombazana yaseRhawutini, nobonakala eyintloko kwishishini leeteksi, kwaye ekwajonge neemali zomyeni wakhe. Esi sibini (uJudas noBeauty) sithandana ngokwenene.

Banabantwana ababini esibona befika nabo kulo mdlalo: unyana onobundlongo-ndlongo, kodwa ohloniphayo uQaphela (odlalwa ngu-Abdul Khoza) nentombazana ethandekayo, nethandwa nguyise uNtombizama (odlalwa nguLinda Mtoba). Ingaba le mbumba noSamson izakuthetha ntoni kwaba- kwaZungu?.

simphiwe.freddie@inl.co.za