UMHLOLOKAZI OLIDLOLOKAZI : NguThixo onesitshixo sesibeleko

UKUQUBISANA noxhatshazo lwabasemzini, ubulolo, uqalo olutsha kwaneengxaki zempilo – zezinye zezinto ofunda ngazo kwincwadi kaUnathi Mkabile ethi UMHLOLOKAZI OLIDLOLOKAZI – THE BARREN WIDOW.

UMkabile ngumhlolokazi wemvumi yeGospile engasekhoyo uMfundis’ uNkomfa Mkabile.

Incwadi yalo mhlolokazi , ibalisa ngoxhatshazo athi amanina alufumane xa ethe ala ukuphila ngendlela efunwa luluntu.

“Le ncwadi iza nethemba kwaye iphilisa abo bahambe le ndlela sele ndiyihambile,” kutsho uMkabile encokolela I’solezwe lesiXhosa.

Le nkosikazi ithi le ncwadi iza kukhulula loo makhosikazi anzinyelwe kukufumana abantwana ukuze angazivi engengomanina ngokupheleleyo.

“Abahlolokazi nabo baza kufunda ngoko bahlangabezene nako kwaye bafumane amandla kule ncwadi,” kutsho uMkabile.

UMkabile uthi kususela oko washiywa ngumyeni wakhe, uMfundis’ uNkomfa, kunzima ukuqhubekeka nobomi.

“Ndiye ndajongelwa phantsi, ndathukwa kwaye ndisisigculelo kwizigqubu zentlebendwane kuba ndingazali.

” Abantu bandijajile. Bendibeka amabala. Bendixelela indlela ekufanele ndibuphile ngayo ubomi bam. Ndakungenzi ngendlela yabo, bandiphatha ngathi andingomntu.

“Bekukho amaxesha ndibakholelwe. Oko kuye kwangcono ngethuba ndiqokelela iingceba zam ezophukileyo, ndazidibanisa ngokuzithanda nokuzithemba,” kutsho lo mhlolokazi.

Uthi ngethuba egalela umhlaba kwibhokisi yomyeni wakhe, inxenye yobomi bakhe yasala kweloo ngcwaba, enqwenela ukungcwatywa naye.

” Ndandindindisholo, ndilahlekile kwaye ndisentlungwini. Ndaziva ndilahliwe kwaye ndingathandwa. Ndandinqwenela ngathi ndingangcwatywa naye,” kutsho uMkabile.

Uyavuma ukuba uyifumene inkxaso nentuthuzelo kusapho nezihlobo.

“Kodwa inxeba lalinzulu. Ndaye ndabhitya, ndingatyi. Ndandihlala ndilila – ndihlala phambi komabonakude iiyure ngeeyure ndingasuki. Ndivalela ngaphandle abantu abaninzi babezama ukuzisondeza kum.”

UMam’ uMkabile uthi ngamanye amaxesha wayeziva enomsindo kumyeni wakhe ngokumshiya.

” Kwakuneentsuku endandizifumana ndinomsindo kuNkomfa ngokundishiya.

Izinto esasizicwangcise kunye zazitshatyalaliswe kukusweleka kwakhe. Andinakube ndibe nabantwana bakhe. Andikwazi kuba nabantwana. Oku kwandenza ndilijonge ngelinye iliso ilizwe. Kwafuneka ndibuqale ekuqaleni ubomi,” kubalisa lo mbhali woMhlolokazi Olidlolokazi.

UMkabile uthi ukuthandaza nokwabelana ngebali lakhe nabo badlule kubunzima obufana nobakhe kwamnceda kakhulu.”

“Andinazo iimpendulo kwiingxaki zakho zonke. Kodwa zithande, kuba usesona sipho uThixo akuphe sona,” kutsho uMkabile.

“Akuyiyo le nto bathi abantu uyiyo, kodwa uyile nto athi uThixo uyiyo.

Phakama ngaphaya kwezithuko, intlungu nokuphoxeka. NguThixo yedwa onesitshixo sesibeleko. Nokuba uyakwazi ukuba nabantwana okanye akukwazi, kodwa usenguye umama,” kuvala uMkabile.

Incwadi kaUnathi Mkabile ifumaneka ngokutsalela kule nombolo: 0604223964

Facebook:

UMHLOLOKAZI OLIDLOLOKAZI

Instagram:

THE BARREN WIDOW