UPHELILE umlenze wokuqala wokukhangela italente weZama and the Voice Ministries.
Kwinyanga kaJanyuwari, eli qela lomculo wegospile, belibila lisoma likhangela abo bazakuba ngamalungu amatsha weZama and the Voice Ministries.
UZama Ntshona weZama and the Voice Ministries uthethe neli phephandaba, elichubela ngokuzakulandela emva kwenkqubo yee-auditions.
“Siphelile isigaba sokuqala sokugqogqa amazwi amatsha eZama and the Voices. Apho sijonge khona ngoku, sijonge ekupheleni kukaFebruwari.
Olu gqogqo lwetalente luqhubekeke kwiidolophu ezimbini zeMpuma Koloni, idolophu yaseQonce neyaseMonti.
UNtshona uthi: “Sifumene amakhulu-khulu abantu abebelusabele olu bizo. Sihluze abantu abakumashumi asixhenxe anesixhenxe kulo mndilili besiwufumene.”
UNtshona ukwancome uluntu oluthathe inxaxheba kweli khwelo, ngokuza ngobuninzi.
“Okona ndinokuxelela kona, ifele italente eQonce naseMonti. Sifumene ama-25 eQonce, saze safumana ishumi elinesibini eMdantsane, abaseleyo kwelo nani sibafumene eMonti,” utshilo uNtshona.
Uthi ekupheleni kwale nyanga bangena kumlenze wesithathu, nalapho kulindeleke zinqoze khona.
“Bazokudibana bonke abo bangamashumi asixhenxe anesixhenxe. Kulindeleke ukuba bacule neqela eli, aphinde umntu azimele yedwa. Kuyo yonke loo nkqubo, ubani nobani uzakuzichola-cholela amanqaku.
“Kuzakushiyeka abangamshumi amathathu-iTop 30, nezakucula, izilolonge ze iphinde ishicilele nathi iinyanga ezimbini. Leyo siyibiza njengenkqubo yoqeqesho (internship audition) kwiZama and the Voices,” unabe watsho uNtshona.
Uqhubekeke wathi, abo bangamashumi amane anesixhenxe abangazukuphumelela, kwakube kugqityiwe nale nkqubo bazakuthatyathwa bangeniswe kwinkqubo yoqeqesho.
Eli qela lizakushiyeka namalungu amathathu kuphela lakube liqukumbele ezi zigaba zokukhangela le talente.
UNtshona ulebele ngelithi, iZama and the Voice Ministries izakuthi gqolo ukukhuthaza uhlumo nophuhliso lwetalente.
simphiwe.freddie@inl.co.za
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo