Umsasazi uvalelisa kubahlobo benene!

KWISITHUBA nje seminyaka emibini ejay’visa abaphulaphuli boMhlobo Wenene FM rhoqo ngeempelaveki, ngoku lixesha lokuba uSilulami Bunu aphume kanje.

USlujah, 32, nanjengoko ebizwa njalo ngabaphulaphuli bakhe kuJaiva Mzansi kwiKhaya leSingqi, uyasifulathela esa sikhululo.

I’solezwe lesiXhosa live ukuba, uSlujah ulibangise etrufm eBhisho, apho ayokwenza khona iDrive 326.

Le nkqubo, esasazwa ngeentsuku zeveki phakathi kweyesithathu ukuya kweyesithandathu emva kwemini, ibhexeshwa nguLuks Gidane.

UGidane, kuvakala ukuba ubuyela kuMhlobo Wenene FM nalapho aza kuqhuba khona inkqubo uSijikilanga (SJL) ekhatshwa nguZintle Mbusi.

Oku kuza emva kokulahla kukaSiphiwo ‘Spitch’ Nzawumbi kutshanje, nabhengeze ukuba usathi xha kwezosasazo.

“Ndiza kukhe ndithi xha kusasazo lukanomathotholo ukuze ndigxile kumanye amacandelo endinomdla kuwo,” kwabhala uSpitch kuFacebook ngethuba ebhengeza ngokulahla kwakhe.

USlujah waqala usasazo kwisikhululo selokishi azalelwe kuyo iMdantsane FM.

Apho usasaze iinkqubo eziliqela eziquka iBhrakfesi, iinkqubo zomjuxuzo ngempelaveki, eyeHipHop neyeReggae.

Inkqubo yakhe yeBhrakfesi eMdantsane FM yafumana imbasa njengegqwesileyo kwiBeat Magazine Awards ngonyaka ka2015.

Isakhono sikaSlujah sokonwabisa khange siphelele nje elusasazweni. Ukhe wadlala indima kaZigweqe nekaNceba kwibali loMhlobo Wenene FM elithi Ithini Na Le Nto?

Ngo2016, uSlujah ukhe wazama ukungena etrufm ngethuba engenela ukhuphiswano lokukhangela umsasazi iTruFM truTalent Search, apho wabamba indawo yesibini kumagqibela kankqoyi.

“Umhlobo Wenene FM uya kuthi ubhengeze utshintsho olukhoyo kwiinkqubo ekuhambeni kwexesha,” kutsho othethela iSABC uMmoni Seapolelo ngethuba ephendula I’solezwe lesiXhosa.

Abazaziyo bathi uSlujah kulindeleke athathe iintambo kuLuks ngomhla wokuqala kuTshazimpuzi, suku olo aqala ngalo uLuks kuMhlobo Wenene FM.

Asikeva ukuba ngubani oza kuqhuba uJaiva Mzansi ngoku. Siziindlebe zakho!