Umsasazi weendaba ubhale incwadi yabantwana

UMSASAZI weendaba zikamabonakude nonomathotholo, uNzinga Qunta, ubhale incwadi yabantwana.

Le ncwadi, ebizwa Amari’s Adventures, iguqulelwe kwiilwimi ezilishumi elinanye kuquka nolwimi lwesiNama oluthethwa eMntla Koloni.

UQunta, osasaza iindaba kwijelo leendaba zeSABC, uthi le ncwadi iIibali ngentwazana encinane eye ithabathe uhambo, kolu hambo idibane neentyatyambo ezintle zoMzantsi Afrika, izilwanyana kuquka nabantu.

Le ntwazana iye ikhuthaze abanye abancinane abafunda le ncwadi ukuba babale kunye nayo.

“Le ncwadi ngeyabantwana abaqala ku-0 ukuya kwiminyaka emithandathu ubudala, abafunda ukubala nokuziqhelisa okubangqongileyo ehlabathini. Iguqulelwe kwiilwimi ezilishumi elinanye kwaye yaguqulelwa kwisiNama esithethwa ngabantu baseMntla Koloni,” kucacisa uQunta, esithi usebenze nenkqubo iMzansi Golden Economy yeSebe lezeMidlalo, uBugcisa neNkcubeko ukuvelisa le ncwadi.

Le ntatheli, enamava angaphaya kweminyaka elishumi ikusasazo, ithi injongo yale ncwadi kukukhuthaza ukufunda nokubala ngendlela elula neyonwabisayo ngeelwimi zenkobe.

IAmari’s Adventures sele iqalisile ukufundelwa abantwana kwizikolo zamabanga aphantsi kuquka neekhritshi kumaphondo onke oMzantsi Afrika. Kutshanje ifundelwe abantwana bakwaGrade R besikolo iZamani Junior Primary esiseMdantsane.

Incwadi kaQunta kuphiswa ngayo kumaziko oonomngqushwana, izikolo namathala eencwadi.

Ofuna ukuzifumanela eyakhe angatyelela kwaEthnikids ku: www.ethnikids.africa/products/amaris-adventures.